INamibia yonyule uMongameli wayo wokuqala owasetyhini

UMongameli waseNamibia omtsha uNetumbo-Nandi-Ndaitwah. Umfanekiso: Mimimefo Info

INamibia yenze imbali ngoLwesibini ngokunyula uMongameli wokuqala wasetyhini kwela lizwe, uNetumbo Nandi-Ndaitwah, 72, wombutho olawulayo, iSouth West Africa People’s Organisation (SWAPO).

UNandi-Ndaitwah uphumelele ngeevoti ezingama57 ekhulwini (57%), ngokweziphumo ezibhengezwe ngoLwesibini yikomishoni yonyulo. UnguMongameli wesihlanu walo mbutho ukusukela oko ilizwe laseNamibia lafumana inkululeko ngo1990. Umntu awayekhuphisana naye kunyulo, uPanduleni Itula we’Independent Patriots for Change (IPC) ufumene iivoti ezingaphaya kwama25 ekhulwini.

Kwintetho yakhe yolwamkelo lweziphumo, uNandi-Ndaitwah ubulele abo bathe babonakalisa uthando kwilizwe labo ngokuqinisekisa ukuba uxolo nozinzo luyaqhubeka ukukhula.

“Njengoko ndizamkela ezi ziphumo, ndingatsho egameni lombutho weSWAPO, ilizwe laseNamibia livotele uxolo nozinzo. Nivotele umanyano kunye neyantlukwano, ukuxhamla kwimithombo yendalo kunye nokuxhotyiswa kolutsha kuphuhliso oluzinzileyo. Kwaye oku kuyakwenza ngenguqu kwezoqoqosho,” utshilo uNandi-Ndaitwah.

UMongameli weli loMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, umqhwabele izandla uNandi-Ndaitwah ngempumelelo yakhe eyimbali. “Egameni likarhulumente nabantu boMzantsi Afrika, ndivuyisana kakhulu noMongameli onyuliweyo uNetumbo Nandi-Ndaitwah welizwe elingudade wethu nommelwane, iRiphabhlikhi yaseNamibia,” utshilo uRamaphosa kwingxelo.

URamaphosa ubalule ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika neNamibia, evakalisa umnqweno wakhe wokuqinisa ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini ngexesha lolawulo lukaNandi-Ndaitwah.

INamibia ifumene ukuphazamiseka ngosuku lokuqala lokuvota, inkqubo yokuvota yandiswa kwezinye iindawo ukusuka kwi29 kunye ne30 kaNovemba ukuqinisekisa ukuba bonke abavoti abafanelekileyo banalo ithuba lokuvota.

IKomishoni yoNyulo yaseNamibia (ECN) idize ukuba baphantse babe sisigidi namakhulu amane amawaka (1,45 million) abantu abanelungelo lokuvota ababhalisiweyo.