Inceda abantwana i-Assemblies of God

Ngabafundi abaliwaka namakhulu amahlanu baseMdantsane neendawo ezingqonge la lokishi abayinxalenye yesikolo sase- busika esiququzelelwe yiCawa i-Assemblies of God (AOG). Esi sikolo siqale ngomhla wamashumi amabini anethoba kweyeSilimela sizakuphela ngomhla weshumi kule imiyo.

Aba bafundi bafakwe kwizikolo eziquka isikolo samabanga aphakamileyo iMasixole ebesisoloko sisetyenziswa ukusuka ngonyaka ka2009, kunye nesikolo samabanga aphakamileyo iMizamo naso sizakuncedisa ukufaka abanye abafundi. Oku kuzakwenziwa ngenxa yokuba lenyukile inani labafundi abanomdla kule nkqubo.

Ngokwengxelo esuka kwilungu leCawa i-Assemblies of God kunye nomlawuli weenkqubo uZolani Kekezwa, eli phulo yindlela yokusabela ikhwelo elenziwe ngumphathiswa wezemfundo ephondweni.

Umpathiswa uthe iCawa mayiphakame ibonakale ekuhlaleni, kwaye inike inkxaso ngokuxhasa ezemfundo, kubantwana beli phondo.

Olu ngenelelo lujonge ukuba lube negalelo kwiziphumo zebanga leshumi eMpuma Koloni, njengokuba zisoloko zisiwa iinzame zokufumana iziphumo ezincomekayo.

Ezona zifundo zizakunikwa ingqwalasela kwinkqubo yalo nyaka zizibalo, inzululwazi kunye nezifundo zokubalwa kwemali(Accounting). Zinikwa ingqwalasela ezi zifundo kuba zezona zibalulekileyo ingakumbi kumba wokuqwalaselwa kwezakhono ezidingeka ngamandla.

Le nkqubo izakuzifaka nezifundo eziquka iilwimi ngokunjalo.

Ootitshala bazakunikeza ngeenkonzo zabo simahla, kwaye bancame ikhefu labo lobusika ukuphucula abafundi. Abafundi baza kunikwa ukutya yonke imihla.

Usuku lokugqibela kwesi sikolo sase busika, umhla weshumi kule nyanga izakuba losuku apho kuza kubanjwa umsitho wokucebisa aba bafundi ngamakhono abanokuthi bawalandele.

Lo msitho uzakubanjelwa kwisakhiwo senkonzo i-AOG. Izithethi ezahlukeneyo zimenyiwe ngokwamaziko emfundo enomsila ohlukeneyo kunye namashishini athile abucala azokunika abantwana ingcebiso, ngamakhono anokulandelwa ngabantwana.

“Le nkqubo yenziwa ngokwezigaba ezahlukeneyo, esokuqala bekukhuthazwa abafundi bezikolo ezithile zamabanga aphakamileyo zaseMndantsane. Ekuhambeni kwexesha kuzakutshintshwa kuqwalaselwe izikolo zesithili ngokubanzi,” utshilo uKekezwa.

Abantu abazakuqwalasela abafundi bachongwe kwalapha ecaweni, babekwa ngokwezikolo abazakusebenza kuzo benze umahluko.