Ngokubhalwa nguXolisa Tshongolo
Xa uthetha ngoXolisa Tshongolo, uthetha ngenye yamadoda agalele ngamandla kwiinzame zokuqinisa nokomeleza ulwimi lwesiXhosa ngeendlela ezininzi.
Kwincwadi yakhe ethi, “Amagqabantshintshi oncwadi lwemveli,” uxhobisa ngamandla ngezona zinto ziphambili kwimveli. Uchuba echaza ingoma, exela ukuba ingoma le yintoni, isuka phi, uyintoni umsebenzi yayo esizweni.
Ukuba uyathanda, ungathi oku kuhambelana nembali ethi ingoma le iingcambu zayo zilapha eAfrika, kuba ulwazi olunzulu ngengoma ungalifumana kuphela kubantu baseAfrika. Iikatala, amagubu nezinye izixhobo zokufudumeza ingoma imvelaphi yazo ilapha eAfrika. Iindidi zeengoma ezikhoyo entlalweni nokombelwa kwazo uthethe gabalala ngazo uTshongolo kule ncwadi.
UTshongolo uphendula umbuzo ohlala ubuzwa ngabo banomdla wokwazi nzulu ngeengoma, besithi zithathwa phi iingoma. “Iingoma ziyaqanjwa ngamachule akwaziyo ukuqamba iingoma, lowo uyiqambileyo ke akabinabango labuqambi bayo,” kutsho uTshongolo.
Kwakule ncwadi uTshongolo uxhobisa isizwe ngeentsomi, nangona iintsomi sele zatsitywa zizinto zala maxesha.
Kaloku iintsomi ezi bezifudula zisisixhobo sokugcina usapho luhleli kunye ingakumbi ngamaxesha afanele ukubaliswa kweentsomi. Iintsomi bezifudula zifundisa, zilumkisa ingakumbi abo basakhulayo.
Ukuhlonipha, ukuziphatha kakuhle nokuthanda abanye abantu bekufundiswa ngezi ntsomi athetha ngazo uTshongolo kule ncwadi.
Kule ncwadi uTshongolo ukwacacisa ngokwakhe ukuba ngenene yintoni ke intsomi. “Intsomi libali labantwana elingeyo nyani, kodwa elisekelezelwe kwizinto ezikhoyo nezenzekayo neziphilayo kubomi babantu,” ucacisa atsho uTshongolo.
Iintsomi zibaliswa ngumakhulu okanye utatomkhulu wekhaya, oku kungenxa yamava abo kubomi ababuphilileyo ngaphambili.
Amaqhina, amaqhalo, imbeleko zezinye zezinto athetha ngazo uTshongolo kule ncwadi ebonisa ingakumbi abo basandul’ ukungena ebomini. Kaloku ngenxa yefuthe lasemzini, abantu sele bephila kude namakhaya wabo ngenxa yengqesho, ngoko ke olu lwazi lunganceda.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’