Incwadi evula iingqondo zootata ngoomama

UMalebo Sephodi ongumbhali woncwadi nomhlohli eMdantsane, apho ebekhuthaza amanina kule nyanga yamaninaUMFANEKISO: SIYANA JANTJIES

IMasimanyane Womens Support Center isungule incwadi ethi Miss Behave eqaqambisa ingcinezelo eyayisenzeka koomama beminyaka yoo1956, eMdantsane kwimpelaveki esisuka kuyo. Incwadi le ibonakale ithakazelelwa ngakumbi ngabantu abangootata apho bavakalise ukuba incwadi le izakuthi ibavule iingqondo batsho bazazi neemvakalelo zoomama.

Incwadi ibhalwe nguMalebo Sephodi, nalapho ngaphakathi xa ebeyicacisela uluntu, iveza uhlobo apho abantu abangoomama ababephetheke ngalo ngaphambili, umzekelo benezinto abangafanelekanga bayazenza kuba kusithiwa ngoomama. Omnye wootata ophuma kwiBumb’ingomso, uLelethu Yozi, nongutata kubantwana bakhe, uthi zivulekile iingqondo zabo.

“Ndikwabona nokuba kubalulekile ukuzimasa iindibano zamanina xa ewodwa kuba ziveza nohlobo esinokuthi siwaphathe ngalo esingalaziyo thina. Sinezinto esizithethayo okanye esizenzayo koomama singazanga ukuba ingena njani kubo, sifundile ke ngoku.

“Incwadi yona isinika ithuba lokuba sicinge ngolunye uhlobo olwahlukileyo xa sele kuthethwa ngamakhosikazi. Thina bootata bale mihla masenzeni utshintsho ukusukela kulo unyaka,” utshilo uYozi. USephodi uthi incwadi yakhe ngaphakathi izama ukunika iingcinga ezintsha kwababhinqileyo bohlukane nokubangamaxhoba okuba izinto ezithile abafanelanga bazenze kuba bebhinqile.“Sikhule apho ilizwi ibalelika tata kuphela endlwini, elikamama lingakhathaleleki.

Ndihambile ndabona uhlobo thina boomama esasiphatheka ngalo, uxelelwa uhlobo omawuhlale ngalo xa uyintombi, nomawunxibe ngalo kwaye naxa kubonwa ukwiminyaka ethile kunyanzeleke ukuba utshate okanye ubenomntwana,” uvale ngelo uSephodi.

Umanejala weBumb’ ingomso eMasimanyane, uNomsa Mbovani, uthe ukufunda incwadi akusokuze kube lilize utshintsho lungakhona. Uthi ungumntu ongumama kubalulekile ukuba uzithande wena kuqala. Incwadi le UMiss Behave kulindeleke ukuba iguqulelwe kulwimi lwesiXhosa kungekudala.