INCWADI: Imbongi ijong’ exhantini

Incwadi eyingqokelela yemibongo, ‘Imbongi ijong’ exhantini.’ Umfanekiso: Siyabulela Mqikela

Le yingqokelela yemibongo yomthonyama ebhalwe ziimbongi zomthonyama ezazizinze eKapa ngelo xesha zazibhala le mibongo.

Lo msebenzi waba yimpumelelo ngenxa yegalelo nesangxa solwimi lwesiXhosa phantsi kwala ntaba yetafile, uNjingalwazi Abner Nyamende.

Imibongo equlethwe apha kule ncwadi ibhalwe phakathi konyaka ka1990 no1994, elo xesha uyakukhumbula ukuba ibilixesha lenguqu. Kaloku uMsintsi lo yinyanga yezinto ezililifa kuthi, le ngqokelela yemibongo ililifa ke ngoko.

Ezi mbongi zachukunyiswa ziimeko zenguqu ezazisenzeka kweli ukusuka kwixesha lobandlululo ukungena kwixesha loRhulumente wentando yesininzi.

Kwaba babhali kukho abangasekhoyo kubo abaquka uDaluxolo Hoho nabanye ke esingaqinisekanga ngabo.

Imibongo equlethwe apha yahlulwe yazizintlu ezintandathu ngelizama ukulungiselela umlesi. NguNjingalwazi Abner Nyamende, Smerts Dladlothi, Daluxolo Hoho, Simeon Nkanunu kwakunye noMaxesha Magibisela abaqokelele le mibongo.

Ngethamsanqa, aba babhali bafumana inyhweba yokuba intshayelelo yabo yenziwe nguNjingalwazi Sizwe Satyo wakuBangindlala.

Phakathi kwemibongo odibana nayo kule ncwadi kuquka lowo uthi, “Ihenyukazi-Afrika,” ngosiba lukaSmerts Dladlothi eqhayisa ebonisa ubuhle belizwekazi laseAfrika.

Uthi xa ecacisa obubuhenyukazi beAfrika, abhentsise ngamandla ububele nothando obunikwe ezinye iintlanga lilizwekazi laseAfrika.

Lo mbongo uphaya kwiphepha leshumi elinesixhenxe (17) kule ncwadi equlethe ingqaka yemibongo. Ukanti xa usiya kwiphepha lamashumi alithoba anesithathu (93), ufumana apho umbongo obhalwe nguNjingalwazi uAbner Nyamende othi, “Alibongwe ikomanisi.”

Wona ukrazula ubonisa ukuba ngenene ilizwekazi laseAfrika lingunozala wezinto zonke ezilungileyo. Ubudlelane nobudlela-ndawonye yinto engcambu zayo ziseAfrika.

Lo mbongo wenziwa esidlangalaleni ngenye imini kwibala lemidlalo eKhayelitsha nguDaluxolo Hoho kwatsho kwabaleka iintaka emithini.

Uhlobo lwemibongo oyifumana kule ncwadi yimibongo encoma, ityibela abathile ngegalelo labo kwiinzame zomzabalazo wenkululeko. Ngoko ke imibongo elapha iyancoma, iyakhuthaza ngelixa ikwavula amehlo abo badinga ulwazi.