INDIBANO eQonce: Gqaba Gqaba noKhanyi

Khanyisa Tshali eGinsberg

NgoLwesihlanu, umhla wama-29 kweyoMsintsi amanxila omculo nezoyolo azakuzimasa Indibano eKing Club eQonce.

Sithe sakuva ngalo mcimbi sakhawuleza sakrweca umququzeleli onguKhanyisa “Poppy” Tshali, inzalelwane yaseMdantsane ehlala eQonce.

UTshali ngumqulunqi wenkqubo yasekuseni eqala 03:00-06:00 iJoyride kwiTrufm.

I’solezwe: Indibano? Yintoni kanye kanye le ndibano?

Khanyi: Eli gama kwalona ndiyacinga ukuba liyazicacisa ngokwalo. Kudala kwakusithiwa zii ‘Get Together’ xa zikhumshwa. Kodwa yindibano yabahlali nezihlobo ezitsha nezindala. Lithuba lokwazana kwethu kweli Qonce. Asizokujuxuza sijayive imini nobusuku bonke koko ke sakuzama ukudibanisa abantu, bazane ukuze sikwazi ukwakhana, sizuze nakwabanye.

I’solezwe: Yintoni ephembelele ukuba uququzelele le ndibano?

Khanyi: Kukubona ezinye iidolophu ziqhubekeka zisiya phambili kwicala lezolonwabo kodwa thina aph’eQonce sisasalela emva, andithi azikho ezinye iziyolo ezenzekayo kodwa ininzi eshotayo. Nokubona abanye abasebatsha ingakumbi iimvumi zalapha ingakumbi ezi zifikayo zijongelwa phantsi ukuze zidlale kwiGigs, kufuneka zidlale mahala. Ngoko ndiyathemba ukuba ndizofika nditshintshe oko. Nanjengenina kufanele sikhokele.

I’solezwe: Abantu bangalindela ntoni kwi-Indibano? Ngobani ii-DJ neemvumi ezizakube zisonwabisa? Iqala ngabani ixesha, yimalini amangeno?

Khanyi: Kungenwa ngeR40. Abantu mabalindele ukonwaba ngendlela eyiyo nenesitayile. Mabalindele ukuxabiseka nolonwabo olukhulu. Ndikhethe ooDJ abahlukileyo abasuka kwezi ndawo zisondelene nam abangoosaziwayo: Dj Black Ivory, Dj Palture , Dj Seeya, Dj Skara no-Dj Ligwa.

Ndikwakhethe ke nakwaba batsha kwaye ndinethemba abantu bakubonwabela ooDj Sbuda, Dj JustHiggs, Dj Fourforty, Dj Land Maidz. Kuzakucula noMesto & Celtic.