Indibano noluntu lwaseMbizana

Uluntu lwaseMbizana luzakube lunendibano kwakunye nomphathiswa wezokhuseleko ephondweni uWeziwe Tikana namhlanje nalapho iinjongo ikukusombulula ukungaboni ngasonye phakathi koluntu lwala mmandla kwakunye namapolisa ala ndawo.

Abahlali belali yaseNdengane nenesikhululo samapolisa kuvakala ukuba kukhona ukungavisisani phakathi kwabo kwakunye namapolisa kuba aboneliseki luhlobo asebenza ngalo amapolisa kula ndawo.

UTikana uthi unethemba lokuba iingxaki ezipha ngokungenelela kwesebe zakuthi zisombululeke kutsho kubekho imvano phakathi kwabo, kutsho kuliwe nolwaphulo mthetho kula ndawo.