Indima katata emntwaneni

Ekuboneni umsantsa okhoyo kubantwana abangamakhwenkwe abakhula bengenatata, uMash Kekana waseRhawutini wasungula umbutho iDads In The Picture ngo2002.

Lo mbutho, uncedisana nabantwana abangamakhwenkwe abangenatata ebomini babo, nabaswele amakhaya.

IDads In The Picture liqeqa elinee-ofisi kuwo onke amaphondo oMzantsi Afrika, kwaye isebenzisana neenkonzo eziliqela ezinendima enkulu ekuhlohleni ingqondo yebantwana ngolwazi, nkonzo ezo sele ziyinxalenye yempilo yethu nesingenokwazi ukuzahlukanisa kunye nazo, iicawa.

“Sele ingathi idaliwe into yokuba umntwana oyimtombazana akhule, efundiswa ngunina zonke izinto zamantombi kunye namanina, ukusukela koonopopi, ukuncancisa nokukhulisa usana, ukupheka ihombo njalo njalo.

“Kanti le nto ayidalwanga, sithi unobangela wayo, loxa amakhwenkwe egasingathwa mntu ngamfundiso yokuba yinkwenkwe ukuya kuba ngumyeni notata oqeqeshekileyo, ofundiswe nguyiswe ongumzekelo wotata ogqibeleleyo,” utshilo uBruce Malgaas, ilungu leDads In The Picture.

IDads In The Picture, ikwiphulo elizulazula wonke uMzantsi Afrika isilwa neli dabi, ibuyisela isidima soluntu ebantwani ngokufundisa ngoxanduva lokuba ngumzali, ngokubaluleka kokwakha usapho olungagungqumiyo kunye neziphumo zokungenzi njalo.

EMonti i-Ukukhanya Programme Sunshine Child and Youth Care Centre igcine abantwana abalishumi elinesibini, amakhwenkwe namantombi, eli nani lehla lisenyuka, kuba abanye baye bafumene abazali namakhya anoomama notata.

isibhalo@inl.co.za