Indlala ibenza babeke ubomi babo esichengeni

UMambathane noNonzwakazi Mndende kufuphi naseDutywa abathengisa iinsimbi eThekwiniUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Indlala nentswelangqesho zezona zinto zidala ukuba xa usoloko udlula phakathi kwedolophu yaseDutywa kuhola wendlela uN2 usingise eMthatha, ubone isicuku sobugoxo obudala beentsimbi ezindala kube ngapha kwazo kuthe ngcu igcuntswana lamakhosikazi ombethe iingubo.

I’solezwe lesiXhosa lincokole namakhosikazi amabini elidlule ecambalele ngapha kweentsimbi zabo kwabe kugqutha nomoya, kubanda, begade iloli enokuthi gqi ibakhwelise ukulayisha iintsimbi zabo bezisa eThekwini apho bazitshintshisa khona ukuze bafumane imali.

La makhosikazi athi ayakwazi nokuchitha ubusuku bonke ngasendleleni begade iloli enokuthi gqi ibakhwelise.

UNonzwakazi Mndende (46) ongenamyeni ojongene nabantwana abasibhozo, uthi ukuncama ubomi bakhe emvuleni nasengqeleni, alale phandle, yindlela yokunceda abantwana bakhe nanjengoko engaphangeli kwaye engenamyeni.

“Andinamntu uphangelayo ndinabantwana abane kwakunye nabazukulwana abane, ngoku sonke eso sibhozo sijonge kum. Awukho lula tu lo siwenzayo umsebenzi unobungozi kuba sikhwela kubantu esingabaziyo. Kwaye nakweziloli asizikhweli simahla siyabhatala nangona iye isophulele.

La makhosikazi ezi ntsimbi zindala baye baziqokelele elalini bakugqiba baphinde baqashe nemoto ngemali ebabekela endleleni apho balinda khona iloli enokuthi ivele ebheka ngaseThekwini. Ezi ntsimbi bazithengisa kwindawo yakwaStallion kwakunye nakwaReclaim eThekwini.

Noxa nje bencama konke, aba mama bakwathe banoloyiko lokuxhaphazeka xa bekhwele kwezi loli bangazaziyo.

Kodwa bathi okuncedayo kukuba nihambe nibabini nangaphezulu, ungakhweli uwedwa ukuya eThekwini.

UMaMbathane ongumama wabantwana abahlanu, kubo kukho nofunda kwiYunivesithi iWalter Sisulu, abathathu bakumabanga aphezulu.

Uthi naye lo useWSU uxhomekeke kuye ngale mali ayenza ngeentsimbi. La makhosikazi athi noko xa unomthamo othe xaxe ezintsimbini kuye kubhaqeke noko iisenti akufani nokuhlala.

“Kukungabinamntu uphangelayo kungoko ndincame ukunethwa ziimvula namalanga kule ndlela ndizamela iintsana zam,” utshilo uMaMbathane.

Aba bazali bathi ukuba urhulumente angazisa iiprojekthi ezinokuthi zidale amathuba engqesho bangawuyeka umsebenzi wokuchola iintsimbi.

Oku sikwenza kuba singenabantu basiphangelelayo kwaye sinabantwana esibafundisayo kuba sifuna babenekamva eliqaqambileyo bangafani nathi,” utshilo uMndende.

Umngeni abawufumanayo aba mama ngowokuba amapolisa kutshanje abagqugqisile esithi mabasuke endleleni bafumane isiqinisekiso. Bathi abanawo amaphepha namakhadi ebhanki.