Indlala iyayifinyeza ingqondo!

Apha ebomini kukho abantu othi ungaqiniseki ukuba ingqondo yabo isebenza ngokufanelekileyo, kanti baphile qethe, koko bonganyelwe yimbandezelo.

Umntu obandezeleke ngokwasesiswini izinto ezininzi uzibetha ngoyaba, ongamise amalinge okuya ethunjini.

Indlala imenza ixelegu umntu. Izinto zococeko nezempilontle azifiki nakancinci kweyakhe ingqondo; ugxila kokusiwa ngasethunjini.

Indoda ibamnyama tsiki ngumsizi naziindidi zamafutha amadala alahlwayo, iphehlulula kwizinto ezilahliweyo ikhangela into engabuye iyisebenzise.

Kungaba mhlawumbi yinto aza kuyithengisa afumane imali ze athenge into yokubekwa esithebeni, mhlawumbi kube yinto aza kuyisebenzisela ukunxiba okanye ukwandlala, njalo njalo. Wena mntu udlula ngendlela ubona umntu ogula ngengqondo, ukuba athi emdala aphehlulule kwizinto ezimdaka ezilahliweyo!

Ndike ndabona indoda irhuqa inqwelo yesandla, ilayishe umthwalokazi ongalingene bani.

Le ndoda ibikhuphisana neenqwelomafutha emgaqweni, kuphetshwana nayo.

Umthwalo ubuphume emacaleni enqweleni, uvale wonke laa mmandla womgca otyheli de waphumela phakathi endleleni.

Xa ifika kwindawo enengxinano ibimisa idlulise iinqwelomafutha, oku kwegosa lezeendlela, ze kwakuvela isikhewu ifake inqwelo yayo.

Ezifike iphakathi ke bekufuneke zingcembe emva kwayo de indlela ibuye ivuleke. Ibimdaka ke le ndoda! Ndithe sele ndicaphuka, njengoninzi lwabaqhubi abazibone sele bekuloo meko ke, yakhawuleza yabuya ingqondo kum, ndazingxolisa ndisithi oyena mntu ungabhadlanga ikwandim lo, ngokuba ndingenakuyiqonda imeko ekuyo le ndoda.

Inyanga yoMnga lixesha lokuchitha imali kwizinto ezifana nempahla yabantwana nezibiliboco ezahlukeneyo, silungiselela iKilisimesi. Sixakanisekile, siyahlupheka, kuba imali esinayo ayenelanga ukwenza onke amabhongo esifuna ukuwenza kule Kilisimesi.

Abanye bethu bacwangcise izici, engaba zezenkolo neenkolelo okanye ezeziyolo; sixakanisekile ke kuba iimali azisivumi kakuhle, sibuhlungu kukungahambi kakuhle kwezicwangciso zethu.

Engqondweni yolambayo akukho nenye kwezo nto; okusengqondweni yakhe kukubanento esithebeni, ondle yena nosapho lwakhe.

Umntu olambayo akanaso kwasici senkolo okanye senkolelo acinga ngaso njengokuba uninzi lwethu lusenza.

Oku kwenza ukuba simthathe njengomntu ongagqibanga apha engqondweni, ukuthi sinqula abe yena engenayo kwanto injalo kweyakhe ingqondo.

Xa kucingwa ngabantu abazakondla ilali ngezici kule nyanga yoMnga, bona bajongwa okwabantwana abangenakwenza nto injalo.

Isingathi ke kambe abona bantu banenkolo ikwangabo, kuba inkolo le ingumoya hayi inyama.

Emigidini nasezicini izilambi azizalisi nje izisu zazo, zifaka ezingxoweni ziphathela iintsapho zilungiselela nengomso. Ziphazamisana nabafazi abahlamba iimbiza, bathi bekulahla nje ukutya okuseleyo zibe zona zikuqokelela ezingxoweni, zisenza obunye ubuxelegu ngaluba bafazi abahlamba izitya.

Umntu omdala angxoliswe ngumtshakazi; sithi simemelela imbeko yena angananzi koko aneliswe kukuzala kwengxowa yakhe.

Umntu osisilambi akathathelwa ntweni nasezimbizweni nakwiindawo uluntu oludibana kuzo. Anganesiphakamiso nengcebiso elululutho, kodwa oko kungangqinwanga sisityebi kolanjathiswa.

Bambalwa kakhulu abantu abake bancokole into yokwenyani negeza, nqwa nomntu osisilambi; akuxakekelwa kwaukuxakekela kwabo bantu ngokungathi bona akukho nto banokuba luncedo kuyo.

Sicwangcisela abantwana bethu ikamva ukuze sibashiye bengaxakekanga ehlabathini. Owesilambi yena umntwana uyaziphandela, wenza angawakhe amalinge okwethole lenyoka. Abantwana bakhula begonywa, bayaklinika okweenkomo zediphu, liphi ikhadi lowesilambi?

Isilambi sihleka nokuba siyaphoxwa; sithunywa nangumntwana siye ukuba usithembisa ngokusikhongoza. Sasikhatywa ngabantwana bamaBhulu bengasoyisi, kodwa singaphindisi ngenxa yentlutha yoyiise nemithetho yelizwe labo.

Ingaba bubuchopho abunangqondo na okanye lithumbu lirholiwe?

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.