Indlala ngunobangela wokunwenwa kwesifo sikagawulayo eBCM

UGqirha Jan Martin Witte ongumlawuli kwi-KfW Development Bank yaseJamani. Umfanekiso: Sithandiwe Velaphi

IQONDO lokosuleleka yintsholongwane yesifo sikagawulayo kwabasetyhini abaselula eBuffalo City lonyuka ngendlela exhalabisayo, ngokokutsho kuMphathiswa wezempilo eMpuma Koloni uGqirha Pumza Dyantyi.

 

UDyantyi uthi abasetyhini abaselula eBCM, abaphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu (15) ukuya kumashumi amabini anesihlanu (25), ngabo abachaphazelekayo kolu losuleleko. 

“Ezona ndawo zineqondo lolosuleleko elinwenwa kakhulu ziindawo ezinamatyotyombe apha eBCM. Kwezo ndawo ke indlala iyagquba ngoko ke abantwana abangamantombazana kulula ukurhintyeleka nasekuqhathweni ngamadoda amadala, abelane nabo ngesondo ebathembisa ngemali,” utshilo uDyantyi.

 

UDyantyi ukuthethe oku eThe Venue eHemmingways eMonti ngoLwesihlanu kumsitho wokusungulwa kwenkqubo ebizwa iBumb’ ingomso. Le nkqubo inikezwe inkxaso-mali lilizwe laseJamani kwaye izakujongana nenkqubo yokunikeza unyango kwabo bachaphazeleke sisifo sikagawulayo. Inkqubo yothintelo lesi sifo ikwaqulathwe apha kwiBumb’ ingomso.

 

Obethethela inkulumbuso uPhumulo Masualle, uThandiswa Marawu ongumphathiswa kwisebe lemisebenzi yoluntu neendlela, uthi umba wamadoda amadala alala namantombazanana aselula yinto ekufanele inqandwe luluntu.

“Apha kwiMpuma Koloni iphela babalelwa kumakhulu amathathu (300) abasetyhini abaselula abosulelwa sisifo sikagawulayo rhoqo ngeveki,” utshilo uMarawu.

 

UMarawu uthe urhulumente waseMpuma Koloni uzakuveza inkqubo yokukhuthaza ukuvavanywa kwesifo sikagawulayo (kwabo banomdla) ezikolweni.

 

UGqirha Jan Martin Witte ongumlawuli kwi-KfW Development Bank yaseJamani uthi kudala besebenzisana norhulumente waseMzantsi Afrika. “Siqale ukusebenzisana norhulumente weli lizwe ngo1995. Ukuzibakanya kwethu neli phulo (Bumb’ ingomso) kungokuba sifuna ukubona umahluko kumba wonyango nakuthintelo lesifo sikagawulayo,” utsho uWitte.