Indlela yokunqanda oosaziwayo ekuzibulaleni

Ukuzibulala xa uphantsi koxinzelelo akusiso isisombululo. Esi senzo sixhaphake ukwenziwa ngabantu abakwezobugcisa. Kungoko isebe lezeMidlalo, ubuGcisa kwakunye neNkcubeko kuzwelonke lingenelele ngokuthi lisungule iziko elibizwa ngokuba yiSilapha eza kuncedana ngqo nezo mvumi okanye nabo saziwayo beli phondo abalwa noxinzelelo lwengqondo

ISilapha liziko eliza kujongana namaxhoba ajongene nezifo zengqondo, ukuboniswa ngohlobo wena saziwayo omawusebenzise ngayo imali kwanohlobo lwezinto omawuziqaphele kwisivumelwano sentsebenziswano.

Ibisungulwa eMonti ngoLwesibini kule veki neqosheliswe ngoLwesithathu.

IMpuma Koloni sele iyindawo yesixhenxe nanjengoko sele isungulwe kwamanye amaphondo.

UMphathiswa weli sebe ephondweni, uFezeka Nkomonye, uthi kunzima kubantu abakwezobugcisa kweli xesha lokuphila. Uthi kufuneka uxhome umgangatho xa usaziwa ngenxa yoxinzelelo oza kulifumana eluntwini.

UMphathiswa uqhube wathi mininzi kakhulu imingeni ejongene naba.

“Sidibanise abathathinxaxheba emidlalweni kwakunye nabathathinxaxheba kubugcisa beli phondo kuba singurhulumente siqaphele ubukhulu becala bayazibulala oosaziwayo kuba bengayazi xa beva umthwalo bangathetha nabani na. Sikwazokubonisana ukuba umntu angaziphatha njani kwanokulawula imali ukunqanda izenzo zokuzibulala ngenxa yoxinzelelo,” utshilo uNkomonye.

UGqirha Cynthia Khumalo onguSekela Mlawuli kweli sebe, uthi abantu abamnyama abakholelwa ukuba kukho izigulo zengqondo kwaye bengafuni nokuthetha ngazo.

UKhumalo uthi eli ziko iSilapha livula uhalala kwaye limahala. Uthi ukuthetha nonoNtlalontle akubhatalelwa koko uza kuncedakala. Le nombolo uza kuyitsalela ukwazi ukufumana uncedo ngu0800 007088.

UQhamani Ntaba wakuKomani nongumnikazi weYoung Black Hungry awayisungula ngo2018, uthi kuninzi akufunde ngezi ntsuku.

“Kweli candelo kulula kakhulu ukuba uxinzelelo lwengqondo likuhlasele kube kungekho lula ke nokuzichaza ebantwini ingakumbi xa ungumntu ongubhuti. Ngoku noko kuzokubalula xa kukho iSiyaphila. Xa ukweli candelo kufuneka uhlale uphilile emoyeni kwenzele uzokwazi nawe ukuvelisa iziphumo ezihle lutsho uluntu luwuthande umsebenzi wakho,’’ utshilo uNtaba.

Ongafunanga kuchazwa nobesandula uyokudlala eqongeni kwiNational Arts Festival eMakhanda, uthi ingxaki yabo bengoosaziwayo kukuba baphilela abalandeli babo. Uthi bazifaka ematyaleni befuna ukuxhoma umgangatho nto leyo xa sele ubani ezivalele endlini eyedwa lufike lona uxinzelelo.

UAnezwa Mvakade naye okwezobugcisa uthi kuninzi akufundileyo, unkentezelwa ngamazwi kaNkomonye othe zakhele igama lakho ungazixheshanga kuba ukuzixhesha koku kuza kwenzela uxinzelelo.

Oosaziwayo ebebeyinxalenye nokusungulwa kweli ziko ngabo nabo sele bagaxeleka kuxinzelelo, abanye babo bajika sele befuna ukuzibulala. Abo nguNambitha Mpumlwana owayekhe wangumlingisi kuGenerations, uZahara, uVuyani Bungu, uMandisa Williams onguKapteni wombhoxo wamakhosikazi kwakunye noGigi Lamayne oyimvumi.