Uthathe ixesha elide ubhala iCV, uzama ukuchaza iminyaka oyichithe esikolweni, izakhono kunye namava akho, kodwa abaqeshi abathathi nemizuzwana elithoba beyiqwalasele iCV yakho phambi kokugqithela kwenye.
Nangona kunzima nje ukufumana umsebenzi nakwabo bantu sele kudala bephangela, kunzima nangakumbi ikakhulu kubafundi abasandula kugqiba izidanga zabo abenza izicelo zokusebenza kwezona zikhundla ziphantsi, nabaqalayo ukubhala iiCV, bona ekuye kufuneke ukuba bazame nangakumbi ukubhala iiCV ezikumgangatho ophezulu, ivakele isitsho ingcali yezemfundo.
“Uphando olwaqhutywa yinkqubo ethile yolutsha lwase-UK, iNational Citizen Service, lwafumanisa ukuba izicelo zomsebenzi wabaqalayo ukuphangela zinyuke kakhulu, nto leyo ibeke uxinzelelo phezu kwabaqeshi- bona kuye kufuneke bafunde ngokukhawuleza amakhulu ngamakhulu eeCV. EMzantsi Afrika, ukhuphiswano kwizikhundla zabo bafuna ukusebenza kwezona zikhundla ziphantsi lunzima nangakumbi, kananjalo nemfuneko yokuba iCV yakho ikwazi ukwenza lula ukungena emsebenzini – yinto apha ekufuneka kugxininiswe kuyo,” utshilo uWonga Ntshinga, iNtloko eliGqala leeNkqubo ye-ICT kwi-Independent Institute of Education, elona ziko lecandelo labucala elikhulu eMzantsi Afrika, nelibonelela ngemfundo ephakamileyo.
“Uyakuba seshweni kakhulu ukuba iCV yakho ibhalwe kakubi, ingakuthengisi nokuthengisa ngempumelelo, kambe kungaphantse kuqinisekwe ukuba akuyi kubizelwa udliwano-ndlebe xa kunjalo,” utshilo uNtshinga.
Uthi eyona ndlela ingcono enokusetyenziswa ngabo abasandula ukufumana izidanga, kukuya kwiziko elicebisa ngamakhondo omsebenzi kwiyunivesithi yabo yecandelo loluntu okanye kumaziko emfundo ephakamileyo ecandelo labucala, baye kufuna uncedo lokubhala iiCV zabo zokuqala, kambe kuqinisekiswe ukuba yonke imibuzo iphendulwe ngaphambi kokuthunyelwa kwayo kumphathi wemicimbi yabasebenzi (HR). Ngaphezu kokuqinisekisa ukuba iikhwalifikheyishini namava abo ayahambelana nemimiselo yesikhundla esipapashiweyo, abaqala ukufuna umsebenzi kufuneka:
BABHALE I-CV ENGQAMENE NOHLOBO LOMSEBENZI
Isicelo somsebenzi kwezezimali siya kwahluka kakhulu kwisicelo somsebenzi kwezentengiso, utsho uNtshinga. “Njengamaxesha onke, uGoogle ngumhlobo wakho. Funa umfanekiso wemizekelo yeeCV kuhlobo lomsebenzi wakho, kambe ubonakalise ukuba uyayazi imeko nendlela ekusetyenzwa ngayo kwelo candelo ulikhethileyo.”
BONISA, HAYI NJE UKUBA UYAKWAZI, KODWA UBUNI BAKHO
Bonisa ukuba umphathi angakuthemba kwesi sihlalo, yaye ungena twatse kulo msebenzi. Bonisa, uyeke ukuthetha. Bonisa ngemizekelo ebonakalayo yangela xesha usese sikolweni, ukubonisa ixabiso lakho ngaphezu kokudwelisa iinkcukacha ezingeekhwalifikeshini zakho.
YIBA MFUTSHANE, YAYE UBESEMXHOLWENI
Okuncinane akukukhulu kakade. Zinike imizuzwana elithoba ukujonga le ncwadi yeCV yakho. Ingaba izinto ozazisa ngazo zicacile na? Kucacile na kwasekuqaleni ukuba uneekhwalifikheshini eziwufaneleyo lo msebenzi? Laphela elo xesha apho incwadi yeCV yayiba ngamaphepha amaninzi agcwele iinkcukacha zakho kumaphepha amabini okuqala. Ngowama-201, iphepha lokuqala (kwaye
akufuneki adlule kwisibini), kufuneka linike umqeshi inkcazelo ecacileyo, nenika ithemba malunga ngawe kunye noko wakha waphumelela kuko.
GXININISA KOKUPHATHEKAYO NAMANANI
Xa uphawula ngolwazi lwakho lomsebenzi, sukuthetha nje. Thetha ngezinto eziphathekayo namanani kwiCV yakho ukuchaza owakha wakwenza. Umzekelo, ukuba ufumene amava omsebenzi okanye ukuba ukhe wafumana ukuqeqeshelwa umsebenzi, ngelixa usafunda (nto leyo ebekufanele ube uyenzile), sukuvela uthi “Ndisebenzele inkampani engu-Y) okanye “ndisebenze kwiProjekthi engu-X”. Ndaweni yoko, yithi: KwiNkamani Y: BendinguMququzeleli weMveliso kwiprojekthi exabisa izigidi ezi-R5 ndinoxanduva lokujongana no-a, b no-c.
uNtshinga uthi zonke iiCV, nokuba ziphuma kwabo baqalayo ukufuna umsebenzi okanye kwabo baziingcali ezinamava, kufuneka zibonakalise ukuba umenzi-sicelo uyakuqonda okufunwa ngumqeshi lowo, elazi neshishini lakhe, nto leyo ithetha ukuba iiCV nje azamkeleki.
“ICV nganye kufuneka ilungiselelwe isithuba eso senzelwa isicelo. Nangona lo nto ithabatha ixesha elide, kambe ingumsebenzi omkhulu, iCV nje ayiyi kukusa ndawo. Ukufuna umsebenzi, kuthatyathwa njengomsebenzi ngokwako – ngako oko oko nyamezela.”
UNtshinga uthi enye indlela yokuzibonakalisa njengomenzi-sicelo, kukubonakalisa ukuzimisela ekufundeni ubomi bakho bonke.
“Bonisa ukuba uyayazi isoftwe yakutsha-nje efunekayo kwisikhundla osicelayo. Sukudwelisa nje iikhwalifikheshini zakho onazo, koko bonakalisa ukuba ubhalisiwe kwizifundo okanye iinkqubo ezimfutshane ukwandisa ulwazi lwakho.”
Ekugqibeleni, incwadi yentshayelelo emfutshane epheleka isicelo nebhalwe kakuhle, ifanele ukusiqukumbela isicelo sakho.
“Eli lithuba lokuba umphathi oqeshayo akwazi – ngako oko qinisekisa ukuba incwadi leyo imfutshane kodwa iqulethe ubuqu bakho kambe uqinisekise ukuba akukho ziphoso zopelo negrama,” uvakele esitsho.
Halala, utshatile uMama Joy!