NgoLwesibini emva kwemini, iSouth African Revenue Service (SARS) iqhube ugqogqo kwindlu kaShauwn Mkhize eDurban. Lo somashishini nongumnikazi weqela lePremier Soccer League (PSL), iRoyal AM F.C, owaziwa ngelika “MaMkhize,” kutyholwa ukuba utyala iSARS imali engaphaya kwamashumi amathathu anesixhenxe ezigidi zeerandi (R37 million).
Ngokweengxelo, malunga neshumi elinesihlanu (15) lemoto zamapolisa zibonwe zimi ngaphandle kwendlu kaMaMkhize. Olu gqogqo lweza emva kokuba iNkundla ePhakamileyo yaseDurban inike iSARS isigunyaziso sokugcinwa kweempahla ukuthintela ukuba zingathengiswa kunye nesigunyaziso sokugqogqa nokuthimba izinto.
“Esi sigqibo linyathelo elibalulekileyo kwinjongo yesicwangciso-qhinga seSARS ukwenza kube nzima ngakumbi nokuchaphazele iipokotho zabahlawuli berhafu abathi babandakanyeke kulwaphulomthetho ngabom. Kule minyaka imbalwa idlulileyo, iSARS ibisenza uphando kwaye igabadela ishishini lokwakha ukuze lithobele imithetho yerhafu,” itshilo iSARS kwingxelo.
I-SARS iqhubekile yathi inyanzelisa izibonelelo ezichazwe kuMthetho woLawulo lweRhafu onguNombolo 28 ka2011, igxininise ngakumbi kwicandelo le163, lokugcina nokukhusela iimpahla okanye iiasethi.
“Eli nyathelo lakutshanje lelinye lamanyathelo amaninzi athatyathwe yiSARS ngentsebenziswano neNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) kunye neeHawks, ukuxhasa isidima senkqubo yethu yerhafu,” itshilo iSARS.
UMkomishinala wakwaSARS, uEdward Kieswetter, uvakalise umbulelo ongazenzisiyo kwiSAPS, iiHawks, kunye namalungu eSARS ngentsebenziswano yabo.
“I-SARS ayisayi kuyeka ukwenza umsebenzi wayo ngaphandle koloyiko, ukukhetha, okanye ukucalula, nokuba umntu uyintoni na eluntwini. Akukho bani ungaphezu komthetho, kubaluleke kakhulu ke ngoko ukuba iSARS ithathe amanyathelo ngogxininiso ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyahlangabezana nezibophelelo zakhe ezisemthethweni.
“Umsebenzi wanamhlanje wokugqoqga kunye nokuthimba kufuneka udlulise umyalezo ocacileyo kuye wonke umntu wokuba abomthetho baya kuthatha inyathelo lokuyeka ukungabikho komthetho.
“Abona bantu basemngciphekweni kuluntu lwethu, abantu abadala, kunye nabantwana baxhomekeke kwezi rhafu nakurhulumente ukuze bathobe kwaye banciphise intlupheko, intswela-ngqesho kunye nendlala. Naluphi na uhlobo lokuchasa ngabom umthetho kuyakujongwana nalo,” utshilo uKieswetter.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party