Indlu yowiso-mthetho ixhalabile ngolonyulo

Uxhalabile urhulumente wephondo leMpuma Koloni ngenxa yamanani aphantsi abantu abathe babhalisela ukuvota xa bekubhaliselwa ukuvota.

Oku kudizwe ngusomlomo wepalamente yeli phondo uNoxolo Kiviet ngethuba ebemisela ngokusesikweni iphulo lokufundisa uluntu ngokuvota eNgqushwa izolo.

“INgqushwa yenye yeendawo ezinamanani aphantsi kakhulu abantu abathe babhalisela ukuvota ngoko sinexhala, yilo nto eyenze ukuba size kuqala apha sikunye ne Independent Electoral Commission ukumisela eli phulo,” ucacise watsho uKiviet.

Uthi le ndawo yaseNgqushwa ifumene amashumi amane anesihlanu eepesenti kuphela ekhulwini abantu abathe babhalisela ukuvota.

“Iphulo eli lelokufundisa abantu ngengxaki zonke ezimayela nokuvota ukuze bakwazi ukuthatha isigqibo esisiso xa kufike ixesha lokuvota,” utshilo uKiviet.

Ipalamente yephondo ikunye nabakwa IEC bazakujikeleza kwiindawo ezahlukeneyo bexhobisa abantu ngako konke okuhambelana nolonyulo lomasipala oluzayo, itsho ingxelo.

Oligosa lwaka-IEC uPam Sankqela uthi, inkqubo zabo ezahlukeneyo zizakwenza ukuba kufike umhla wonyulo abantu becacelwe zezona zinto kumele ukuba bazenze.

“Ngoku sithethayo eyona nto sibafundise yona apha ngumcimbi weevoti zabucala, ukuba ngobani abanokwenza izicelo zokuvota bucala,vkwenziwa ntoni xa umntu kufuneka enze esi sicelo,” utshilo uSankqela.

Uhambisa athi uninzi lwabantu luyahlala lungalisebenzisi ithuba lokufaka isicelo sokuvota bucala, kuze kamva kubekho ingxaki xa kufike umhla wokuvota.

“Abantu bavuleleke ukuba bafake izicelo zokuvota bucala ukusukela ngomhla wesibini kule nyanga yeSilimela,” ucacise watsho.

Abantu abanokufaka isicelo sokuvota bucala ngabo bangakwazi kuhamba, abagulayo, abadala abanenkubazeko, amapolisa, amagosa karhuluemnte azakuba ephangele kunye noonondaba abazakube bephangele ngala mini, itsho ingxelo.

UKiviet uthi i-ofisi yakhe ibambisene ne-IEC, izakugqithela kwabanye oomasipala beli phondo ngokoluhlu lwabo.

“Sikhethe oomasipala abanale ngxaki ifana nale yalapha eNgqushwa, ngoko ke sizakujikeleza kubo bonke kude kufike iintsuku zokugqibela kwinyanga kaJulayi,” utshilo.

Le ngxelo ithi eli phulo lokufundisa uluntu ngokuvota lizakujikeleza komasipala abaquka iNkonkobe, Lukhanji, Ngcobo, Nyandeni, Mhlontlo naseNelson Mandela Bay, kuxhotyiswa abantu. Lo kaKiviet ubongoze loo nginginya ukuba ilisebenzise eli thuba ukuze ingenzi zimpazamo ngomhla wokuvota.

”Imibutho yenu ilahlekelwa zivoti ngenxa yempazamo enizenzayo xa ningafundiswa ezi zinto ngoko sebenzisani eli thuba,” uvale ngelo uKiviet.