Indoda enamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala kulindeleke ukuba ivele enkundleni kungekudala emva kokubanjwa ngezityholo zokudlwengula ixhegwazana elineminyaka elikhulu elinanye (101) kwisithili saseSekhukhune eLimpopo.
Abemi boMzantsi Afrika bavakalise umsindo wabo kumakhasi onxibelelwano ngezi ndaba zesi sehlo ekuthiwa senzeke ngoMgqibelo umhla wama27 kweyeKhala 2024.
Oku kwenzeka kanye xa uMzantsi Afrika ubhiyozela inyanga yamanina kwaye esi sehlo songeza kwinqanaba eliphezulu lobundlobongela obusekelwe kwisini kweli lizwe.
Isithethi samapolisa, uColonel Malesela Ledwaba, uthi ixhoba elineminyaka elikhulu elinanye (101) lalilele ngethuba livuswa ngumrhanelwa, ezama ukulikrwitsha phambi kokulidlwengula.
ULedwaba uthi umrhanelwa nowaphule ifestile efuna ukungena, wabaleka kwindawo yexhwayelo emva kwesi sehlo.
Kwaziswa amapolisa, kwaza kwalandelwa umkhondo. Umrhanelwa ukhonjiwe waze wabanjwa ekhayeni lakhe kungekudala emva kwesi sehlo.
Umrhanelwa uye wavela phambi kwenkundla yamatyala eZaaiplaas kwiveki ephelileyo ngoMvulo ngezityholo zokuqhekeza kunye nokudlwengula.
UMkomishinala wamaPolisa eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe, ukugxeke kabukhali ukudlwengulwa kweli xhegwazana kwaye uncome ukubanjwa okukhawulezileyo kwale ndoda, ehlala kwakule ngingqi inye.
“Esi senzo simanyumnyezi sobundlobongela kumntu osesichengeni kuluntu lwethu sijongwa ngamandla angazenzisiyo okuzinikela kwethu kubulungisa. Ukudlwengulwa kwexhegwazana ayisosenzo solwaphulo-mthetho esijoliswe kuye kuphela kodwa olu luhlaselo oluphazamisa kakhulu kuluntu lwethu kunye nokhuseleko,” utshilo uLieutenant General Hadebe.
Umrhanelwa ugcinwe eluvalelweni de kube ngumhla wesibhozo kweyeThupha 2024 ukuze afake isicelo sebheyile.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!