Indoda ephulula iinwele zamabhinqa estratweni

UYakhela Lisa (30) ozakhela igama kushishino lokuphulula okanye ukubheyisa iinwele zamakhosikazi edolophini Engcobo. UMFANEKISO:UTHUNYELWE

Ngenxa yokunqaba kwemisebenzi kulutsha eMpuma Koloni lo nto yenza uninzi luvuke luzenzele, oku kwenze noYakhela Lisa (30) welali yakuBeyele Ongentla eNgcobo nonesidanga kwizifundo zobuNtatheli asebenzise ingqondo yakhe acinge ekubeni izandla ezi zakhe zingamsebenzela njani na.

ULisa kwiveki ephelileyo ubeke isitulo edolophini eNgcobo esinephepha elibhaliweyo ukuba uphulula iintloko zabantu kwaye uhlawulisa iR15 qha. Uthi ukuze akwazi ukuphulula okanye ukuthambisa abantu iintloko (ukubheyisa), waqala eKapa emane ukubheyisa intokazi eyayincuma nobhuti wakhe xa inesitayile esitsha entloko. Uthi umane eyenza le nto nakwintombi athandana nayo apha eNgcobo de wabona ukuba le yinto ayithandayo kwaye engamtyisa xa enokuyilandelela njengoko engasebenzi.

Le iveki yeyesibini eqhuba neshishini lakhe lokubheyisa iintloko zabantu edolophini eNgcobo. Uthi uyixhome kufacebook, abaninzi bamhleka besithi uyabhanxa logama athi uye wothuka xa kusasa ebona kwaye ithandwe luninzi kuFacebook.

“Abagxeki bagxekile ke, khange ndibahoye kuba baphele sele bencoma nabo kuba bebona ukuba babodwa kule nto yokuhleka. Uninzi kwabo bebevakalisa izimvo lundicebise ukuba mandongeze, ndiqhaqhe neentloko zabantu kuba bekhala besithi kuyasokolisa ukuqhaqha kwaye nasesaluni ngaphakathi kuyimali ukuqhaqha intloko ephothiweyo. Endikuvuyelayo kukuba ndingowokuqala apha eNgcobo ukuza nalo mbono,” utshilo uLisa.

Uthi emva kokuthwala isidanga ngo2016 uhle esonyuka engade afumane sigxina samsebenzi, waphela esebenza kwiivenkile zoo“My Friend”. Uthi ke uzamile nasemculweni efuna ukushicilela njengokuba ewuthanda umculo kodwa akwabikho nto ilungayo.

UYakhela okwangoku unomntu afihla kuye intloko edolophini eNgcobo ngokokutsho kwakhe, kuba esithi akakabinayo imali yokuvuka kuBeyele Ongentla eze edolophini yonke imihla.

Uvale ngelithi iingcebiso azinikwe luluntu kufacebook uza kuzenza, koko usalungisa ukuhlala kuba usaqala kwaye kwala mafutha okubheyisa iintloko zabantu uyizame nzima imali yokuwathenga. UYakhelukwacela inkxaso nakubani onokumbonelela ngezixhobo zeenwele kuba uthi unenjongo yokusikhulisa kangangoko esi situlo sakhe soshishino.

Ngenene abalandeli bamqhwabele izandla uYakhela ngesigqibo sakhe ingakumbi engumntu ongubhuti, besithi badinga eso sibindi ngoku bengabantu abangoosisi.