Indoda eyabulala eTsomo ibhaqwe emzini wegqirha!

Ibanjiwe indoda ebekukudala ifunwa ngamapolisa ephondo ebandakanyeka ekubulaweni ngokungenalusini kwabantu abathathu, ixhegwazana kwakunye nabazukulwana balo ababini.

Oku kwenzeka ngoNovemba ka2019 kwilali yaseTsojana eTsomo, nalapho aba babhaqwa emva kweveki bedada ngaphezulu emlanjeni kwaye besabotshelelwe izandla ngasemva ngocingo.

Amaxhoba ngumakhulu uBuyelwa Malila, 71, uAthi Zondi, 17, kwakunye noAsemahle Mtsorha, 16 nowayekwinyanga yakhe yokubeleka njengoko wayekhulelwe.

Ngethuba I’solezwe lincokola nosapho kunyaka ophelileyo, othethela usapho uKhayeni Malila wadiza ukuba kwanyanzeleka ukuba imveku le ikhutshwe esiswini sikanina phambi kokuba bangcwatywe ngethuba bekhutshwa kulo mlambo.

UKhayeni wathi yeyona nto yaye yabaxhela nangakumbi leyo belusapho. Ingxelo ephuma kwiSithethi samaPolisa ePhondweni, uBrigadier Tembinkosi Kinana, ithi umrhanelwa lo ubanjwe kwilokishi yaseZibeleni kuKomani ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo kumzi othile wegqirha.

Intsusa yokubulawa kwala malungu osapho mathathu kulandela emva kokutyelela kwenqwelo yamapolisa kwikhaya lakwaMalila ngethuba abecuphi beyokwenza uphando lwabo malunga netyala elalifakwe lelinye lamaxhoba abulawayo elokuba udlwengulwa ngumalume wabo.

Imizimba le yamaxhoba yabhaqwa ngumelusi wemfuyo ngethuba eqokelela imfuyo kumlambo obizwa ngokuba yiMhlahlane River kwaye nemoto ekukholelwa ukuba yasetyenziswa kolu lwaphulomthetho yabhaqeka kude kufuphi nalo mlambo.

UBrigadier Kinana uthi owona nobangela wokubulawa kolu sapho usaphandwa.

Umrhanelwa uvele phambi kwenkundla zamatyala ngoMvulo eTsomo ngezityholo abekwa zona zokubulala. Kulindeleke aphinde avele kwakule nkundla nalapho eza kunikwa ithuba lokufaka isicelo sebheyile, nanjengoko eseseluvalelweni.

UMkomishinala wephondo uLeiutanant Liziwe Ntshinga uthi yiyonanto iphambili ukuhoywa kwamatyala axhaphaza abasetyhini.

Ukwancome noogxa bakhe abasebenza bengalali bekhangela abarhanelwa.