Indoda enamashumi amane anesihlanu (45) eminyaka ubudala etyholwa ngokuzama ukubulala iza kuvela kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton namhlanje ukuze ifake isicelo sebheyile. Oku kuza emva kokuba le ndoda idubule inkosikazi ekhulelweyo esebenza kwaKFC.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge, esi sehlo senzeke kwaKFC kwindawo abantu abaqhuba iimoto bathenga khona kwisitalato iKoyana, eZwide malunga nekota emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngomhla weshumi elinesithathu (13) kweyoMqungu ka2025.
“Umsebenzi wakwaKFC onamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala, noneenyanga ezine ekhulelwe, udutyulwe kwindawo abantu abaqhuba iimoto bathenga khona ngumrhanelwa oyindoda othulule iimbumbulu ngefestile. Nangona lonzakele esiswini, ixhoba lisekwimeko ezinzileyo, kwaye ngethamsanqa umntwana walo ongekazalwa ebengenzakalanga,” utshilo uKapteni Beetge.
Kwavulwa ityala lokuzama ukubulala laphandwa ngokucokisekileyo sisikhululo samapolisa aKwaZakhele. Abecuphi baKwaZakhele bafumene umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala, owabanjwa ngomhla wamashumi amabini (20) kweyoMqungu ka2025 KwaZakhele, utsho uBeetge.
UMkomishinala wesithili saseNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata, uwuncomile umsebenzi weqela eliphandayo.
“Ulwaphulomthetho olujoliswe kwabasetyhini nabantwana bethu, kunye namatyala obundlobongela abandakanya imipu, ahlala engowona mba uphambili kwidabi lethu lokulwa nolwaphulomthetho.
“Esi siganeko sibaphazamise kakhulu abahlali kunye namapolisa ethu. Ukubanjwa komrhanelwa linyathelo elibalulekileyo lokuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka,” utshilo uMajor General Ncata.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo