Indoda eyayigula ngengqondo yabethwa yatshiswa yabhubhela eMakiwane

Isibhedlele esikhulu iCecilia Makiwane esiseMdantsaneUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Lunyanzelisa ukuhlawulwa imali ekwizigidi ezilishumi zerandi (R10 Million) usapho lwendoda eyayigula ngengqondo uThobile Vena owabhubhela kwisibhedlele iCecilia Makiwane ngo2002.

Ingxelo yosapho ithi le ndoda yabhubha emva kokubethwa ngenkonkxa yokucima umlilo entloko, yatshiswa ngamanzi sesinye isigulana esasigula ngengqondo.

UNombuyekezo Vena uthi ingxelo zamajelo eendaba ezingokubhubha kwabantu abagula ngengqondo kwiphondo laseRhawutini zibenza bakhumbule uThobile.

“Sabizwa eCecilia Makiwane ngeyeKhala ngo2002, saxelelwa ukuba uThobile ubethwe sesinye isigulana, uThobile akazange akwazi kuzikhusela kuba wayebotshelelwe yena kuba wayegula ngengqondo,” ucacise watsho uVena.

Le ndoda yabetha uVena yaza yamgalela amanzi abilayo izihlandlo eziliqela. “Sifuna kwenziwe ubulungisa ngurhulumente ngokusibuyekeza ngemali, ukuba ebephila uThobile ngesiphila ubomi obungcono, ngenosapho lwakhe,” utsho uVena.

Olu sapho luthi okona kubangela intlungu kukuba isibhedlele sabaxelela ukuba iinkcukacha zale ndoda zaduka phaya esibhedlele.

“Kudala sihamba emagqwetheni asifumani ncedo kuba iinkcukacha ezichaza ngempilo yakhe nokubhubha kwakhe phaya esibhedlele azaziwa ukuba zatshona ngaphi,” uthethe watsho uVena.

UVukile Vena uthi bayakuxola kuphela xa kukho intshukumo evela kurhulumente malunga nokubhubha kukaThobile.

“Sifuna kwenziwe ubulungisa apha, iCecilia Makiwane yasinika amawaka amahlanu eerandi (R5 000) besithi masingcwabe ngayo, lo nto ithetha ukuba bayalazi ityala labo,” utsho uVena.

Ingxelo ithi uThobile wagula ngengqondo emva kokuba kwathi kwatshayiswa umkhuluwa wakhe yimoto.

“Ngo 1993 omnye umnakwethu watshayiswa yimoto, uThobile wayekhona kula ndawo yengozi, ukusukela ngoko akazange aphinde aphile, ugule ngamandla ngo1995,” utshilo uNombuyekezo Vena.

AbakwaVena bathi uThobile bamthumela esibhedlele ephilile kodwa wabuya ebhubhile.

“Kumele isebe lempilo lisihlawule ngale ntlekele kuba sabanika umntu ophilileyo ukuba bamncede, suka wabuya ebhubhile ngenxa yokungakhathali kubo,” utsho uVena.

Ukanti umlawuli oyintloko kwisibhedlele saseCecilia Makiwane uGqr. Mthandeki Xhamlashe uchaza akwaziyo ngale meko.

“Ngumcimbi oceketheke kakhulu lo, ngoko ke sizakunyanzeleka ukuba senze uphando lwethu lwangaphakathi ukuze sikwazi okwenzekayo,” utshilo.

Uthi azinakungafumaneki iinkcukacha zomntu owabhubha phantsi kwemeko ezibuhlungu njengezo zikaVena. “Kuzakufuneka ukuba sikhangele onke amasebe ohlukeneyo athe achaphazeleka kuphando nakumanye amanqanaba ale ngxaki ukuze sifumane impendulo,” utshilo uXhamlashe.