Indoda ezizamelayo ixhatshazwe ngamapolisa

UThandisizwe Qakaza waseMdantsane otyhola amapolisa ngokumxhaphaza kwindawo alungisa kuyo amavili umfanekiso: BHEKI RADEBE

“Ibhongo andinalo! Ndixhatshazwe ngamapolisa ndingenzanga nto!” Oku kuthethwe yindoda yaseMdantsane uThandisizwe Qakaza (40), obanga ngelithi uthukwe ngamapolisa ze bamkhonkxa kuba isono sakhe ikukuzenzela ushishino kwa-N.U. 1 eMdantsane.

UQakaza ushishina ngokuthengisa nangokulungisa amavili ngasendleleni kufuphi netyotyombe lakhe kwaYako. Ukwenza neetafile kwakunye nezitulo.

Ukuxhatshazwa kwakhe ngamapolisa kwenzeke kwiiveki ezimbini ezidlulileyo ngomhla weshumi elinanye kuCanzibe apho athi, kufike igqiza lamapolisa ehamba ngemoto ezilishumi kuzo kukho nebhasi kukwakho nemoto enye kamasipala iBCM.

Uthi ukufika kwawo abe sele embamba izandla esithi makachithe le ndawo kuba akanalo ilungelo lokusebenzela kule ndawo.

Uthi emva komdlakathelisa bamnika iphepha elithi makabhatale amakhulu amahlanu eerandi. Eyona yamothusayo uQakaza, kukuba axelelwe ngabomthetho ukuba akavumelekanga ukushishina nakwityotyombe lakhe. “Ndandicinga ukuba ndisuswa kuba ndisecaleni kwendlela yaba ngumnqa naxa ndisithi xa ndisuka apha ndiza yokusebenzela endlini nalapho bathi andizokwazi ukusebenzela khona.

“Bendicinga ukuba umasipala angeza kum njengorhulumente ancome kuba ndivuke ndazenzela hayi ukuba achithe le sele ikhona into. Ndisebenze nzima kakhulu ukuba ndide ndifike kule ndawo ndikuyo namhlanje,” itshilo le ndoda.

“Iphi le nto yayithethwa ngowayesakuba ngumongameli uThabo Mbeki xa wayesithi masivuke sizenzele kuba apha ndondla usapho lwam andiphangeli, kwaye luxhomekeke ngokuthengwa kwala mavili.”

UQakaza uthi uyoyika nokuba imoto yamapolisa iyazidlulela ngendlela.

“Amapolisa aye andiphatha okomntu osisaphulimthetho. Ndidane kakhulu kuba ngabona bantu sijonge kuwo xa kuthethwa ngokhuseleko kodwa endaweni yokuba bandikhusele bandindlandlathekisile. Endithuka ngezithuko ezikhulu ebendingazilindelanga kuwo,” woleke watsho uQakaza.

Umhlali owazibonelayo ngolu suku uvumile ukuba akhohlakele amapolisa kuba uQakaza uyaziphilela, akamoshi mntu.

“Kuyamoshwa apha zininzi izaphulimthetho kula magali kodwa soze uwabone amapolisa,” utshilo lo mhlali.

Isithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Nkosikho Mzuku, uphendule ngelithi ngolu suku yayilusuku apho amapolisa aseMdantsane, abantu bomthetho kwakunye namagosa ezendlela ayephume iphulo phakathi kwendlela uNU1 kwakunye noNU 12 bejonga iimpepha zeziqinisekiso kwabo bashishina ekuhlaleni, beshishina ngezinto esele zisebenzile. UMzuku uthi umntu oshishinayo funeka kube kanti ishishini lakhe libhalisiwe kungenjalo uya kudibana nomthetho.