Indoda ibanjelwe ukudlwengula abantwana eBhayi!


Amapolisa aseBhayi abambe avalela entolongweni  indoda eminyaka engamashumi amane anethoba (49)  leminyaka emva kokuba ibekwe isityholo sokuxhwila, ukudlwengula nokunkula ngezikhali iintsana ezimbini ezingamantombazana ezikwiminyaka emihlanu nesithandathu kwilokishi yamatyotyombe eyaziwa ngokuba kuseChris Hani eNew Brighton izolo.

Amapolisa athi aye aphuma ingqina egqogqa imizi emifutshane emva kweengxelo zabazali baba bantwana ngokuduka kwabo ngobusuku bangoLwesithathu.

Athe zisuka ngobo busuku akaphozisanga maseko kuba akhuphe onke amandla awo kwaneehelikopta nezinja zomkhondo.

UDawie Rabie okhokela indibanisela yezikhululo zamapolisa phantsi kondlunkulu oyiMotherwell,  uthe kolo gqogqo bafumene enye yezi ntwazana ilutywantsi kwaye imanxeba-nxeba ngasemva kwebala lezemidlalo kufutshane nale ndawo.

Uthe lo mntwana ubesaphila kwaye ukwazile ukulandisa amapolisa umkhondo.

“Lo mkhondo usikhokelele kwityotyombe elithile apho sifumene le iminyaka isithandathu kunye nomrhanelwa ngaphakathi, ngokwengxelo zikagqirha sifumanise ukuba bobabini badlwengulwe, benamanxeba ahambisa umzimba. Sibahlangule emlonyeni wengonyama, ” utshilo okaRabie.

URabie ukwalekele ngelithi le ndoda iyakuvela phambi kwenkundla kamantyi kwilokishi yaseNew Brighton ngoLwesibini.

“Senza isicelo kubahlali baseNew Brighton ukuba bakhe babuye umva ekuthabatheleni ezandleni zabo umthetho bavumele amapolisa adlale indima yawo.”