Indoda ibanjwe namangquba eBhayi

Kubanjwe abarhanelwa abahlanu eKensington ngamapolisa aseBhayi emva kokuba kufunyenwe amangquba kubo ngokungekho mthethweni.

UColonel Priscilla Naidu uthi, aba babanjwe ngethuba amapolisa kaK9 Unit ethe ahletyelwa ukuba kukho abantu abakwindlu erhanelekayo ngethuba ebepatrola kwisitalato iByron emva kwemini ngolwesithathu.

UNaidu uthi, la mapolisa angene ngemva kwindlu leyo aba barhanelwa bebecatshe kuyo, nalapho afike kukho abarhanelwa abahlanu abangamadoda kwakunye nomnye wasetyhini.

Kuye kwafunyanwa amangquba aziiunithi eziyi-531 nezixabisa imali engange-36 000.

Kuye kwabhaqwa neempahla ezimanzi. Baye babanjwa, kwaye bazakuvela kwiinkundla zamatyala aseBhayi kungekudala.