Indoda ibulele umama womntwana wayo!

UZolile Mtimkulu nongutata wentombi ebulewe yindoda yayo eStrand eKapa uthi ufuna ibolele ejele umfanekiso: Buziwe Nocuze

Usapho lakwaMtimkulu eStrand eKapa lufuna indoda ebulele umntwana walo ibolele ejele.

UZolile Mtimkulu noneminyaka engamashumi amahlanu anesibini ubudala, nongutata wexhoba, uxelele I’solezwe ukuba intombi yakhe negama layo linguNandipha ibulewe lisoka layo kwindlu ebelihlala kuyo.

“Umntwana wam ube ngahlali nesi silwanyana kodwa ube mane esiya kuso, zange sayicinga nakanye into yokuba ngenye imini uza kumbulala,” utshilo uMtimkulu.

Uqhube wathi babone kufika umakhelwane womtyholwa nalapho afike wabaxelela ukuba intombi yabo ibhubhile.

“Ngethuba esixelela la manyala siqale sacinga ukuba uyadlala, kodwa sazibuza ukuba umntu omdala anganyanzelwa yintoni na ukuba axoke ngento embi kangaka?”utshilo uMtimkulu.

Uqhube wathi baye bahamba bayokufika kwindawo ekwenzeke kuyo yonke le nto nalapho bafike intombi yakhe idunduluzile.

“Umbono womntwana wam elijaja ligazi ngumbono endingasokuze ndiwulibale kwaye ndiyamcela uThixo asiphe ukomelela namandla sikwazi ukumelana nale ngxaki sifakwe kuyo,” utshilo.

Uqhube wathi abamelwane bomtyholwa babaxelele ukuba intombi yakhe iye yanengxabano nomtyholwa kodwa bayile ukuyokunqanda yangathi iphelile.

“Wonke umntu wothukile sesi senzo kwaye ukuba bekungakhalanga umzukulwana wam onenyanga nje ezelwe, intombi yam besiza kuyifumana sele yabolayo kuba umtyholwa uyibulele ze wavala ityotyombe elo bebehlala kulo,” utshilo uMtimkulu.

Watsho esithi abamelwane bavuswe sisikhalo somntwana ebekuvakala ukuba akukho mntu umthuthuzelayo.

“Nokuba bekuyintoni na kodwa bekungafanelanga ukuba ambulale, uthini na ngalo mntwana azokushiyeka engena nina, besiyintoni isono somntwana wam esi sibangele ukuba ade abulawe kabuhlungu kanje,” utshilo.

Lo kaMtimkulu ukwaxelele I’solezwe ukuba indlebe yentombi yakhe kunye nelungu langasese bezisikiwe.

“Ndifuna la nja ibulele umntwana wam ibolele ejele, nangona ndingekawuboni umzimba wakhe kwindawo egcina izidumbu kodwa abantu abafika kuqala basixelele ukuba enye indlebe nelungu langasese bezisikiwe, kodwa ke sakuqinisekisa sakubona umzimba wakhe.”

Omnye woomakhelwane ongathandanga kuchazwa igama lakhe, uxelele I’solezwe ukuba usana olu beselugqibe imizuzu engamashumi amathathu lukhala.

“Olwa sana lukhalile, lulo olwenze isithukuthezi sade savuka sayokukroba, khange siyazi ukuba siza kugagana nesidumbu esinamanxeba okuhlatywa,” utshilo umhlali. Uqhube wathi nangona engayazi eyona nto bekusiliwa ngayo kodwa usola isikhwele.

“Sizamile ukunqanda ingxabano yabo yangabantu abavileyo kwaye emva kokuba sinqandile khange siphinde sive ngxolo, icacile kulapho aye wamosela khona ngemela umtyholwa,” utshilo umhlali.

Isithethi samaPolisa aseKapa uKapteni FC Van Wyk uthe kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amathathu ananye ngezityholo zokubulala intombazana ethe yafunyanwa ibhubhile etyotyombeni eStrand.

“Iingxelo zokuba amanye amalungu omzimba exhoba ebengekho aziyonyani,”utshilo uVan Wyk.