Indoda ibulele unina wayo

Yindoda enamashumi amathathu ananye ubudala yaseNkelekethe kuGatyana ehlabe yabulala unina wayo onamashumi amathandathu anesine ubudala wabhubha ngoko nangoko.

UKwanele Sofayo uvele enkundleni kaMantyi kuGatyana izolo nalapho abekwe ityala lokubulala unina uNtombizanele Kofayo.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha uthi: “Umama ubhubhe kwangoko ngethuba ehlatywa ngokungenalusini ngunyana wakhe. Owona nobangela wokuba abulale unina wakhe awukacaci. Emva koko kuvakala ukuba unyana lo ufike endaweni yentselo kwaselalini ukugqiba kwakhe ukwenza oku efika sele esithi ‘ndimgqibile umama’ abantu baphume baya kwikhaya lo mfana ukuyokuzibonela ngawabo amehlo nafike kunjalo ngenene.”

UNtombizanele Kofayo uhlatywe emva kwentsimbi yesibhozo ebusuku ngomhla wethoba. Abahlali baye babikela amapolisa le nyewe umrhanelwa wabanjwa kwangoko.

Ubuyiselwe eziseleni kwakhona, kwaye kulindeleke ukuba avele enkundleni kwakhona ngomhla weshumi elinethoba kwakule nyanga.