Indoda ibulewe sisigadla etiphini, eBhayi

Itiphu ekwilokishi yaseWalmer, eBhayi Umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Kuphume isidumbu kwakhuthuzwa nendoda kwitiphu yaseBhayi ezinze kwilokishi yaseWalmer nebizwa ngokuba kuseMdeni kule veki.

Umasipala waseBhayi ubanga ukuba uAmos Dywili (54) obengumsebenzi kwinkampani esebenza ngokukhetha iindidi zenkunkuma kule tiphu, ubhubhe ngokunyathelwa sisigadla esisebenza apho ngokugangatha inkunkuma. Umasipala ubanga ngelithi le ndoda ibixakekile igubhulula inkunkuma ngethuba inyathelwa.

Ongusekela sodolophu kulo masipala uMongameli Bobani, uthe enye yala madoda asebenza kwaphantsi kwale nkampani, uOmni Horan, yena uhlangene neembila zithutha, wathathelwa imfonomfono yakhe zizigila-mkhuba ezingene kuloo tiphu ngokuqhaqha ucingo ziphepha oonogada.

“Sifuna ukuqinisekisa iinkampani nabaxhasi bethu ngeenkonzo ukuba bangaxhali ziziganeko ezifana nezi, baqhubeke nokuzisa inkunkuma yabo kule tiphu. Le asiyondawo yokubulala nokukhuthuza abantu, sizakuqinisekisa ukuba ukhuseleko kule ndawo luqinile,” utshilo uBobani.

Uthe zimalunga namakhulu amahlanu anesibhozo (508) iinqwelo ezithuthela inkunkuma kule ndawo ngemini. Kukwakho nabo basathe gqolo ukulahla phakathi kwemizi.

“Sizakubacholisa loo nkunkuma bayokuyilahla endaweni efanelekileyo kungenjalo sibabizele amapolisa ababambe,” kutsho uBobani.

USonke Mhlawuli (50) okwangomnye wabasebenzi benkampani esebenzisana nomasipala kule tiphu, uthe uziva ebuhlungu kukusweleka kogxa wakhe ngale ndlela, esithi bona kuphela kwendlela abaphila ngayo nanjengoko bengena bantu, bengasebenzi sigxina.

Uthe le tiphu iyabanceda kuba bachola-chola iimpahla nokusiwa empumlweni nezinye izinto abazithengisela kwa abanye abangathathi ntweni.