Indoda idlwengule inkwenkwe

Amapolisa aseGcuwa abambe indoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ngezityholo zokudlwengula inkwenkwe eneminyaka emithandathu kwilali yaseCegcuwana.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi le nkwenkwe idlwengulelwe ngaphakathi kwindlu yangasese ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeNkanga.

“Unina wexhoba uye waxelelwa ngesehlo sodlwengulo emva koko wahlaba umkhosi elalini. Abahlali bale lali bathe beza ngobuninzi babo, wabanjwa umrhanelwa, emva koko kwabizwa amapolisa.

“Amapolisa aye abamba umrhanelwa waze wabekwa ityala lokudlwengula,” utshilo uManatha.

Esi sesinye sezehlo ezithe zenzeka ngethuba kuqhutywa iphulo elichasene nokuphathwa gadalala kwamanina nabantwana.

abongile.giny@inl.co.za