Indoda idlwengule umntwana oneminyaka emithathu

Amapolisa aseNciba ngaseGcuwa abambe avalela indoda enamashumi amathathu (30) eminyaka kulandela izityholo zokudlwengula intombazanana eneminyaka emithathu (3).

Esi sehlo kurhaneleka ukuba senzeke eMaqwathini eManqulo kufuphi naseGcuwa ngoLwesithathu kule veki.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi, umhakhulu wale ntwazana ufike ikhala komnye wooronta balo mzi.

“Xa efika kule ndlu, lo mhakhulu ukwafumene umrhanelwa enkolonkoloza kule ndlu.

“Xa ebuza ukuba lo mtyholwa ufuna ntoni endlwini, le ndoda ivele yabaleka,” utsho uManatha.

Emva kokuba ibalekile le ndoda, umhakhulu ubuze umzukulwana ukuba kwenzeke ntoni. “Umzukulwana uxelele umhakhulu ukuba ebedlwengulelwa kwihlathi elikufutshane ngumrhanelwa,” utshilo uManatha.

Le ndoda izakuvela kwiinkundla zamatyala eGcuwa ngoMvulo.

Ukanti umlawuli wekhaya elijongene nokhuthaza umpilo-ntle kuluntu eGcuwa i-WE CARE uNokwanda Ntloko usikhalimele esi sehlo sokudlwengulwa kwale mveku.

“Ukhuseleko labantwana luxhomekeke emzalini, kuba umntwana osekule minyaka ufanele ukuba usephantsi kwenkathalo kanina,” utshilo uNtloko.

Uthi, uluntu oluninzi luseneenkolelo zokuba, xa unesifo sikagawulayo siyaphela wakuthi ulale nosana, nto leyo athi ayinjalo koko amadoda afuna ityholo lokudlwengula.