Indoda ifuna isondlo kumam’ omntwana!

UDudu Qwayisa ongutata wentwazana eneminyaka emihlanu

INDODA yakwaN.U.1 eMdantsane ithi ifuna umama womntwana wayo akhuphe imali yesondlo, kuba yona ikhulisa umntwana wabo kunzima – ibe ingasebenzi logama umam’ omntwana kuvakala ukuba uyasebenza eSterkstroom.

UMerlyn Dudu Qwayisa ubhalele I’solezwe lesiXhosa esithi ukruqukile kukufowunelwa ngumama womntwana wakhe, uBulelwa Polo, ezinzulwini zobusuku efuna ukuthetha nomntwana – maxa wambi ekwenza oko eshushu unina womntwana.

Umntwana wesi sibini oyintombazana uneminyaka emihlanu, kwaye uqale ukuhlala noQwayisa enonyaka omnye emva kokuba uBulelwa wathi le ndedeba mayiyokuthatha umntwana eSterkstroom, kungenjalo “uza kuphisa” ngaye.

“Wandifowunela eseSterkstroom esithi mandizokuthatha umntwana kuba ufuna ukuya kufuna umsebenzi eRhawutini. Ngelo xesha ndamxelela ukuba andinamali eyoneleyo yokuya eSterkstroom ngoko ke ndicela akhe andinike ithuba.

“Wathi uza kuphisa ngaye umntwana ukuba andide ndiyomthatha. Ndabona ke ukuba mandikhwele iteksi ndiye eSterkstroom. Yhooo! Ndafika iimpahla zomntwana wam zifakwe kwiplastiki emnyama yenkunkuma, sele umntwana ndimnikwa ngabanye abantu engekho umama wakhe.

“Ndalila ukumbona elambile, ndigixa ukusuka eSterkstroom ukuza eMdantsane,” kutsho uQwayisa.

UBulelwa kuvakala ukuba usebenza efama eSterkstroom.

UQwayisa uthi umntwana wafika ekwimeko embi, ebhityile. “Wayelambe umntwana engafuni nokuba sipholiswe isidudu sasekuseni, wayesitya sitshisa sinjalo.”

UQwayisa uthi ubunzima bokukhulisa umntwana buqale kakhulu emva kokuswelekelwa ngumama wakhe. Uthi kwinyanga yoMnga ubone ukuba makaye enkundleni eMdantsane ayokwenza isicelo sokuba uBulelwa akhuphe imali yesondlo, kodwa waxelelwa ukuba uBulelwa akafumaneki.

“Yandixaka into yokuba kuthwe akafumaneki emnxebeni abe yena endifowunela umhla nezolo.

“Ndisokole ukwenza isiqinisekiso sokuzalwa kwakhe (birth certificate) kuba naphi na apho ndiya khona, ndixelelwa ngokuba kufuneka ingqina elinefani kamama womntwana. Bendibaxelela ukuba umntwana washiywa kum de ndabe ndiyalunga kulo mba,” utshilo uQwayisa.

“Andinangxaki nokukhulisa umntwana, qha ndithi umthetho mawundivumele ukuba umama womntwana wam makakhuphe imali yesondlo kuba imali kum inqongophele kuba andinamsebenzi usisigxina, ndibamba phaya naphaya.

“Futhi ngoku, emva kokuswelekelwa ngumama nyakenye, kunzima ukuya kweminye imisebenzi ekude kuba ndigade umntwana. Yiyo le nto ndithi makakhuphe isondlo, kwaye ndixakeke ngulo mba ngoku enkundleni,” utsho uQwayisa.

Uthi kudala exelela uBulelwa ukuba makohlukane nokumfowunela eshushu.

“Enye into endingayithandiyo ngoBulelwa kukuba undifowunela ebusuku umntwana elele, abe yena enxilile esithi ufuna ukuthetha nomntwana. Andali nto ekufowunelweni xa efuna ukuthetha ngomntwana, qha mandingafowunelwa ebusuku abe enxilile.”

Ukwathe kunzima ukukhulisa umntwana oyintombazana. “Akululanga ukukhulisa umntwana oyintombazana, kuba kukho into endingafikeleli kuzo apho ndiye ndicele oomakhelwane ababhinqileyo bandincedise.”

UQwayisa uthi akafuni ukuphinda ahlale noBulelwa, into ayifunayo nje kukuba akhuphe imali yesondlo qha.

Ukuziphendulela uBulelwa uwakhabile amabango okuba wathi uQwayisa makayokuthatha umntwana eSterkstroom. “Uyaxoka! Nguye oweza kum esithi uboleka umntwana eneminyaka emibini, ndamnika kuba esithi ufuna umntwana atyele iKrismesi kowabo. Xa ndifuna umntwana kwakhona, wala akavuma.”

UBulelwa ukwatyhole uQwayisa ngelithi sele esuka kutshisa ityotyombe lakhe eliseSterkstroom.

“Kungcono abe kude kunam. Andimfowuneli nguye ofowunela mna, esithi asoze ndiphinde ndifumane umntwana. Kodwa ke umntwana ngowethu sobabini ndiyayazi lo nto,” utshilo uBulelwa.

Kumba wesondlo, uBulelwa ubuze ukuba: “Andisebenzi uthi ndiza kumondla ngantoni umntwana?”