Indoda igwetyiwe emva kokwabelana ngesondo nedonki

IGATYANA lomfana waseMount Fletcher ligwetywe unyaka liqamele ngenqindi entolongweni emva kokuvuma ityala lokwabelana ngesondo nedonki.

UNtando Thembalethu Mankungwini (23) ulenze eli sikizi kwilali yaseMoreneng eMount Fletcher kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, ilanga lihlabe umhlaba.

“UMankungwini uthe gqi nomhlambi weedonki ze waqhuba ezimbini kuzo esiza kwindawo efihlakeleyo, apho athe wabelana ngesondo nenye yazo. Lo kaMankungwini ubonwe exakekile esabelana ngesondo nale donki ebonwa ngumzukulwana womnini wezi donki,” utshilo uLuxolo Tyali, osisithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) eMthatha neendawo ezingqongileyo.

“Lo mzukulwana uye wahlaba umkhosi elalini apho abahlali baphume ngobuninzi babo befuna esiqwini kuMankungwini othe wasindiswa ngumnini wezi donki, nothe wabiza amapolisa. Amapolisa afike ambamba uMankungwini,” utshilo uTyali.

UTyali uthi uMankungwini uxelele inkundla ukuba wabelane ngesondo nale donki kulandela umyalelo wegqirha lakhe elimthume ukuba enze oku ngelithi uzakuba yindoda eyomeleleyo.