Indoda igwetywe ubomi ngokudlwengula umtshana wayo

Indoda igwetywe ubomi ngokudlwengula umtshana wayo. Umfanekiso: Shutterstock

NgoMvulo umhla wama22 kweyeKhala 2024, iNkundla yeNgingqi yaseTzaneen igwebe indoda (38) ubomi entolongweni ngokudlwengula umtshana wayo oneminyaka eli11 ubudala phakathi konyaka ka2021 ukuya ku2022. Kuthiwa esi siganeko sabikwa kuyise kodwa wakhetha ukungenzi nto.

Le ndoda yenza ezi zenzo zimanyumnyezi phakathi kweyoMsintsi ka2021 ukuya kweyoMdumba ka2022 kwilali yaseMarinoni.

Ngokwengxelo yamapolisa, ngethuba kuqhutywa ityala, kwafunyaniswa ukuba umtyholwa wayerhuqa umtshana wakhe amse kwindlu yakhe eselumelwaneni aze amdlwengulele kwigumbi lakhe lokulala kungekho mntu uqaphelayo.

Isithethi samapolisa uColonel Malesela Ledwaba uthi ixhoba lidize ngentlungu kudade wabo (20) nothe wabikela utata wabo ngesi siganeko, kodwa akazange enze nto ukulungisa le meko.

“Lo dade wazama ukusa umntwana kwisikhululo samapolisa sasekuhlaleni, kodwa umtyholwa wabagrogrisa ngokubabulala bobabini emva kokuba efumanise oko.

“Ixhoba laphinda labika kudade walo ukuba umtyholwa usamxhaphaza ngokwesondo kwaye umnika imali emva kokumdlwengula.

“Kulapho wacebisa ixhoba ukuba libike lo mba kutitshala walo. Amapolisa aziswa ngalo mba, kwaze kwabhaliswa ityala lodlwengulo emva koko ladluliselwa kwicandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana nolwaphulo-mthetho ngokwesondo,” utshilo uLedwaba.

Le ndoda yabanjwa emva kophando lomcuphi ophethe eli tyala uSergeant Glenda Mathebula. Ibheyile iye yakhatywa ngempumelelo de umtyholwa wagwetywa.

UMkomishinala wamaPolisa eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe, uthe banethemba lokuba esi sigwebo siza kuzisa ubulungisa nolwaneliseko kwintwazana nakwabo bachaphazelekayo.

“Sincoma ubukroti nokomelela kwale ntwazana ebonakalise ukomelela okumangalisayo koku. Sikwaqhwabela izandla ukuzinikela nokusebenza kakuhle kwabacuphi bethu, abatshutshisi, namanye amagosa asebenze nzima ukuze agwetywe lo menzi wobubi,” uvale ngalo mazwi uLieutenant General Hadebe.