Indoda ihlaselwe emzini wayo

Kuvulwe ityala lokuzama ukubulala ngamapolisa aseMatatiele emveni kokuba kuthe kwadutylwa indoda ilele kwikhaya layo eHarry Gwala Park kwiveki ephelileyo.

Ngokweengxelo eziphuma kothethela amapolisa ala mmandla uKapteni Raphael Motloung uthi le ndoda ichanwe emlenzini ngethuba ibiyokuvula ucango xa bekuqhekezwa ucango layo ngezembe ngabarhanelwa ababini ababeyokumhlasela kwikhaya lakhe.

“Oku kwenzeke emveni kwentsimbi yesine ekuseni nalapho bavule ngenkani ucango ngezembe lo gama bedubule bachana umrhanelwa ngompu esiswini nasesifubeni ngethuba esemva kocango ngaphakathi ekucaba ebeyokuzama ukuvingca ngelithi uyazikhusela.

Ngethuba ewe phantsi emva kokuchanwa kwakhe ufownele ugxa wakhe emxelela ngokwenzekayo kumzi wakhe esithi makambalekise esibhedlele,” utshilo uRaphael.

Ixhoba lifumene amanxeba ompu. Likwimeko embi esibhedlele kodwa ezinzileyo.

Unobangela wokudutyulwa kweli xhoba awukaziwa okwangoku njengoko kusaphandwa. Amapolisa ala mmandla abongoza onokuba nolwazi ngaba barhanelwa babini ancedisane nabo bazise umkhondo ngaphambili ukwenzele bakwazi ukubanjwa njengoko bengekabanjwa.