Indoda iyafunwa ngamapolisa izonceda kwityala lomfama ubuleweyo

UAndrew Kroukamp ofunwa ngamapolisa. UMFANEKISO: SAPS

Amapolisa eMpuma Koloni afuna uncedo loluntu ukuze afumane indoda bazoyihlaba imibuzo emva kokuba kufunyenwe umfama oneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu (65) ubudala ebulewe eCradock kwiveki ephelileyo.

UMatthys Van Niekerk wafunyanwa kwindlu yakhe kwifama ekufuphi nendlela uR390 phakathi kweHofmeyr neCradock ngoLwesine, umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeThupha.

Lo mfama wayenamanxeba amaninzi kumzimba wakhe ongasentla ngethuba efunyanwa.

UVan Niekerk kuthiwa ubhubhele kwindawo yexhwayelo kwaye isithuthi sakhe sasingekho kwakhe.

Isithethi samapolisa ephondweni, uWarrant Officer Majola Nkohli uthi isithuthi sikaVan Niekerk sifunyenwe silahliwe kwindlela iConway eHofmeyr.

Njengoko uphando luqhubeka, amapolisa azama ukuthetha nendoda ekukholelwa ukuba ingancedisa kweli tyala.

UNkohli uthi amapolisa akhangela uAndrew Kroukamp (28), “Kukholeleka ukuba angancedisana namapolisa ekusombululeni ityala lokubulala uMatthys Van Niekerk owafunyanwa umzimba wakhe unamanxeba okuhlatywa kwifama ekufutshane nendlela uR390 ngaphandle kwaseCradock,” utshilo uNkohli.

Amapolisa akhuphe umfanekiso kaKroukamp ukuze uluntu lwazi ukuba amapolisa afuna bani.

Amapolisa acela nabani na onolwazi olunokunceda ekufumaneni uKroukamp ukuba abelane ngazo naziphi na iinkcukacha kuCrime Stop kule nombolo 086 001 0111 okanye ngeMySAPS.