‘Indoda’ – kutheni sibaliselwa amabali ethu?

Sibhala nje kukho umnyhadala nemarike yemiboniso bhanya-bhanya kazwelonke phaya eKapa. Into abathi yiCape Town International Film Market and Festival xa beyikhumsha. Uzakuqhuba de kube nguMgqibelo (21 kweyeDwarha).

Eli liqonga apho kudibana abadidiyeli beefilimu nezinye iintlobo zemiboniso kamabonakude. Basuka kooMelika, China, India, Russia, Brazil nakumanye amazwe. Bakho ke nabadidiyeli bakweli laseMzantsi Afrika ababonisa ngeyabo imisebenzi.

Abekho baninzi kwaye uninzi lwabo ngabantu abamhlophe.

Kwiminyhadala elolu hlobo sele isisiqhelo ukuba kuzakuthi gqi mntu othile owenze umboniso bhanya-bhanya ngesiko lolwaluko. Sayibona napha ekuqaleni konyaka xeshikweni kusithi gqi ongu Inxeba – The Wound – umboniso apha ojikeleza abakhwetha abathandanayo okanye abancwasanayo. Ewe, ngabesini esinye. Nto ethe yaphambanisa uninzi lwamaXhosa akuthi asilandela kumaqonga omnatha wonxibelelwano.

Kwakukhe kwazanywa no Umthunzi Wentaba pha kuSABC kodwa warhoxiswa loo mboniso.

Kule veki kuphinde kwathi gqi omnye umboniso ogama lingu Indoda – wona wenziwe ngumfo apha onguJohn Warner wakweli. Sithe sakugqiba ukubukela lo msebenzi wakhe, safumana ithuba lokumbuza imibuzo efana nokuba kutheni ezinike uxanduva lokubhentsisa ulwaluko.

Impendulo yakhe iye yakukuba yena khange angene kwisiko ubuqu kunye neemfihlo zaseSuthwini koko ke yena, njengomhlali okhathazekileyo kweli, uthathe eli thuba ukuba alwe into athi bubuqhophololo baseSuthwini. Uthi udiniwe kukuva iingxelo zokubhubha kwabakhwetha kwaye uye wahamba wayokukhangela oonobangela wafumanisa ukuba ingxaki iqala pha kumakhankatha. Umboniso wakhe uqala ngokusibonisa ikhankatha elinguLoyiso ligacele intombi emahlathini. Ithi yakugqitha ayichwechwele ayigrogrise ngemela, bethe ngenqindi akhwele phezu kwayo azenzele. Emva koko siye sifumanisa ukuba likhankatha elithenjiweyo esisidlwengu elalini.

Qha ingxaki ukhanki lo neqela lakhe bayanxila behleli nje bantlonta abakhwetha kwaye babaphatha kakubi. Kulapho ke kuye kuqhweshe omnye wabo ayokutsho kwampenge-mpenge emahlathini; ahambe edibana neendidi ngeendidi zabantu eziye zimfundise ngobudoda. ULoyiso (ikhankatha) ufunga ngelithi uzakumbulala fi lo mkhwetha asakumbhaqa. Iqhube njalo.

Asinokuwugxeka kakhulu lo mboniso kodwa kubalulekile ukuba siqale ukuzibuza ukuba kutheni na la mabali anje engabaliswa ngamaXhosa? Kutheni amaXhosa okanye abantu bakuthi; ingakumbi abasuka eMpuma Koloni bengekho kwiinkqubo ezifana nale yomnyhadala wemiboniso bhanya-bhanya?

Ayilothuba bethu na eli lokuba nathi ephondweni sivuleni iziko lokufundisa ukudidiyela iifilimu? Noko asinakuhlalela ukuba zizigculelo zezinye iintlanga. Lo mboniso bhanya-bhanya: siwunika iinkwenkwezi ezimbini kwezilishumi (2/10); uyatsala kwaye nabadlali bawo, abangamaXhosa, bathetha isiNgesi isikakhulu nto eyenza ukuba ingakholeleki yonke le nto yenzeka pha. Uyakufumaneka kwiiDVD kungekudala.

Kulo mnyhadala sekuboniswe neminye imiboniso emitsha yakweli efana noCatching Feelings kaKagiso Lediga, nooAct Of Defiance bakaJean van de Velde ogxila kwiRivonia Trial yooMandela. Lilonke yimiboniso bhanya-bhanya epha kwikhulu lonke edlalwe ngesithuba seveki. Ecaleni bekukwakho neeklasi zokuthengisa ifilimu yakho kunye neendlela zokushishina namanye amazwe.

KwiCruise Terminal yaseV&A Waterfront kukho amashishini abonisa ngezixhobo zawo kwi ‘Expo’ ekwavalwa ngoMgqibelo nayo.

Owona mboniso bhanya-bhanya uthandiweyo kulo mnyhadala uzakwaziswa ngoMgqibelo.

Nazi izimvo ezimbalwa zabafundi bephepha lethu ngo “Indoda”:

Li Yong: Anxakama Amadoda Madoda. Siyayazi na phofu, sesibekwa dle esidlangalaleni ngabelungu nje, kungokuba bayasibona ukuba kwathina sithule, sinyabile, sibavumele kwaye siyanyhukulana kwathina endaweni yokubambisana sikhulise isizwe sakwaXhosa.

Yolanda Ngangolwandle Mtandeki: Mhh! ndaziva ndingenasidima ndasuke ndaphelelwa kukuzithemba nokuzazi. Yintoni na MaXhosa le nto kunje, kutheni siyekelela nje thina, kutheni le nto kundlandlathekiswa isiko lethu nje? Wooo! kusayiwa apho kuyiwa khona yintoni kanti umsebenzi wezi nkosi? Into eziyaziyo kukuhlomla ezintweni ezikude kubo ipolitiki, liyemka ilizwe bahleka isiqhazolo. Lemka ilizwe magwala ndini!!!

V’sta Mazongolo: Ubazela phi ubucukujeje nobucigogo bale nto abhala ngayo sele ade athi nta imixhadi nje uyintoni yena kwindlu kaXhosa. Ngumhlola lo kwaye indlu yeenkosi ibimele kukuyikhalimela lentswela-mbeko nodelelo oluqulathe umzondo wobuhlanga nenkohlakalo. Zemk’iinkomo magwalandini!!!

Ayanda Chicharito Tandela: Bakhona abangcatshi abalithengisayo eli siko lethu! Basirhuqela eludakeni mpela isidima sethu, ngoba nalo sele ethetha ngathi uyazi nje ufunxe ulwazi kwezinto zingenamiqolo ezilophozayo njee xa kubekwe imali phamb’kwazo.