Indoda libhubesi, yingcongolo phezu koThukela!

Kuthi xa kungena le nyanga yeSilimela, inyanga kaJuni ngabula magqobhoka namakhumsha, uyive intswahla yamagwijo ichaza ukuba amakhwenkwe sele efikelele kwilixa lolwaluko.

Kusenjalo, uweve amadoda engqokola kwelawo icala, evuma esithi, “madala la makhwenkwe, aziintsambarha! Axakile kule lali, asiphethe!” Bambi kula madoda ahlabele igwijo ngeenjongo zokuyala nokulumkisa loo makhwenkwe axhinele ukuya kungena esuthwini, uweve esithi, “ubudoda bunzima, uz`ugez`ugez`ugqibelise!”

Kaloku ukuyala mzi kantu akuqali nje kuphela mhla unyana womntu wabuya esuthwini, ngomgidi nombholorho, koko ukuyala kuqalwa kwasebukhwenkweni, ebukhwetheni nasebukrwaleni!

Ithemba lokuyala lisekubeni abayalwa babe bayeva, bathobele iziyalo empilweni yabo, ukuze kuphile umntu, ukuze kuphile isizwe, kuba kaloku ezona njongo zobudoda zisekelezelwe ekuphakamiseni nasekuphiliseni isizwe!

Xa kulapha ke mawethu, kumele sizibuze le mibuzo mibini: Ingaba amadoda anamhlanje ayasiphilisa ngenene isizwe xa ehlala exhaphaza kwaye ephatha dlaka-dlaka iintyatyambo zesizwe, iintombi noomama bethu?

Xa amadoda anamhlanje enqandwa enganqandeki, eboniswa engafuni kubona, ingaba ngenene ayeziphulaphule aziva kakuhle iziyalo zasesuthwini nezasemgidini?

Amadoda athi akwenza izinto ezingangqinelaniyo neziyalo zobudoda, kuthiwe ayalwa kukho umoya, zaze ezo ziyalo azahlala ezingqondweni nasezintliziyweni, kuba kakade zaphaphatheka nomoya.

Indoda ezigcinileyo iziyalo, neyaziyo nengayithandabuziyo intsingiselo yobudoda, ayinakuze imbulale, imqhawule inkciyo okanye imgxagxamise umntu wasetyhini, kuba kaloku ebudodeni, umntu wasetyhini ngowokukhuselwa, athandwe, ahlonitshwe aze axatyiswe kanobom.

Indoda yokwenyani yileyo ijongana nayo nayiphi imeko ngendili nesidima. Asikho ke mawethu isidima esinokwayanyaniswa nokukrazuka kwesimilo, ukuqaqadeka, ubundlobongela, ubugwinta, ubudlwengu nobumenemene!

Yiva imbongi yesizwe ubawo uMqhayi xa ebuka encoma kwale nyanga ngelithi, “A! Silimela! Yon`inkwenkwez`inkulu, kuba yinkwenkwezi yokubal`iminyaka yobudoda!” Azeke mzekweni ubawo uMbovane ngelithi, “Yinkwenkwezi enesidima kunezinye. Inyanga esikelelekileyo kwaXhosa, kuba ngayo kuzalwa izilumko neengcali. Kuphela kwelifa elashiywa nguXhosa.” Bobabini aba babhali baphume izandla bayibeka icace kule miqolo ingentla into yokuba ubudoda ngowona mmandla uhlonitshwe kakhulu kwaXhosa.

Ngenxa yokubaluleka nokuhlonipheka kobudoda, nenyanga yeSilimela, nyanga leyo kubalwa ngayo iminyaka yobudoda, iphela ibalulwa njengenkwenkwezi enkulu kunezinye kuba ngayo kuzalwa umntu ngokutsha, ezalelwa kwinqanaba lobukroti, inqanaba lobufela-ndawonye nobufanankosi.

Inene ndisuke ndaxakwa, ndema nematha, kuba kaloku xa kunamhlanje ubulumko nobungcali bamanye amadoda, busuke bagqunyelelwa buburhalarhume. Hayi ndizam`ukuthi awanamhlanj`amadoda asuke avukwa bubulwanyana nobudlophatyapha!

Mhla sayalwa thina saxelelwa ukuba indoda libhubesi, indoda yingcongolo phezu koThukela. Ibhubesi, njengendoda, sisilo esinamandla, esinewonga nobunkokheli, ukuze ingcongolo ibe sisityalo esingabuniyo nesingophukiyo, nokuba sesikumlambokazi onomsinga onamandla njengeThukela. Indoda yokwenene inenzondelelo, unyamezelo nokuthobeka, ingaxhineli ukuxambulisana, kwaye ayingophuma silwe. Mhla sayalwa singeniswa ebudodeni, oobawo neenkonde ezinamava, bebethetha kuvakale, besithi indoda yokwenene yingwe, ngumngcunube phezu koMbashe. Ingwe sisilo esinendili, isilwanyana esingadeleki lula nesiluphawu lobukhosi.

Indoda yokwenene injalo, ayikho khaphukhaphu, ihlala inesithozela, noko ingcathu kwizinto ezininzi. Indoda ikwafaniswa nomngcunube, umthi ohlala uyokozela okuhle, umthi ohlala uluhlaza, womelele kunjalo nje ugcina umlambo unamanzi aneleyo, ungatshi. Injalo ke indoda kusapho lwayo nakwisizwe sayo, igcina usapho nesizwe zikhuselekile, zikhathalelwe, kunjalo nje zingahlelelekanga!

Mzi kantu masiqale emakhaya sifundise amathol`amaduna ngobuntu, ngokulunga, ngokuhlonipha amantombazana, nokuba ngcathu nakuyiphi into engakhiyo.

Konakele mawethu kuba akusayalwa ngokugqibeleleyo, abo bazimasa imigidi babeka phambili ukusela utywala ngaphezu kokuxonxa izimilo ezihle kubafana nakumadoda angomso.

Nokuba kunjalo ke asinakulilahla eli siko lookhokho bethu, amakhwenkwe maninzi, kunjalo nje maweze ebudodeni, ayalwe ukuze abe yimizekelo emihle eluntwini. Maninzi, madala, aziintsambarha!