Indoda yaseChina ebixhwilwe eQonce ibhaqwe eMooiplus yena ubhuti wayo akakabhaqwa!

Ezinzulwini zobusuku bangoLwesine abahlali belali iPalana eMooiplus eMonti, bothuswe yinyambalala yamaPolisa ebikumzi othile nengumzi womnikazi wosomashishini weeteksi kule lali ngethuba ezokuhlangula indoda yelizwe laseChina eyaxhwilwa eQonce ngoMgqibelo weveki ephelileyo.

AmaPolisa agaleleke kweli khaya engabhungisanga emva kokuhletyelwa malunga nesi sehlo, nalapho ngenene afike le ndoda yaseChina ikhona kweli khaya kwaye ingonzakaliswanga

Ngokwengxelo kaLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ithi ngethuba ixhwilwa le ndoda kwafunwa ngenkani imali engangeR350 000 kwaye yabhatalwa ngubhuti wexhoba kwangoko. UMawisa uthi nobhuti lowo wexhoba emva koko naye waye waxhwilwa nongekafumaneki yena osakhangelwayo.

AmaPolisa kuphando lwawo kweli khaya aye afumana umpu, iibhokisi eziyi11 zeembumbulu kwakunye nezixhobo ekukrokreleka ukuba zibiwe.

Uphando luyaqhuba kwaye sele kubanjwe abarhanelwa abathathu (3) abaphakathi kweminyaka eyi28 ukuya ku38 nekusalindeleke ukuba kubanjwe abanye abarhanelwa ngokokutsho kukaMawisa.

Esi sithathu sijongene nezityholo zokuxhwila, ukuba nemipu engenazimpepha, iimbumbulu kwanokuba neempahla ezikrokrelekayo. Usuku lokuvela kwabarhanelwa alukaziwa kodwa baseziseleni.

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene usiqwhabele izandla esi sehlo, ekwancoma nomsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe ababambe abarhanelwa kungaphelanga neveki kwaye nexhoba lihlangulwe.