Indodla ifumaneka ngoMvulo nangoLwesibini!

Izinto azizukubanje ngesiqhelo kulo lonke eli loMzantsi Afrika ngenxa yentsholongwane efikileyo eyosulela ngokukhawuleza uluntu.

Abantu abaqhele ukufumana imali yesibonelelo ngomhla wokuqala akuzubanjalo kuba kuzanywa ukunqandwa ingxinano.

Oku kudizwe nguMongameli welizwe uCyril Ramaphosa ngethuba eyalela isizwe ekubeni abantu bangadluli kwikhulu bekwindawo enye ngenzame zokunqanda ukusulelana ngesi sifo.

I-Arhente yokhuseleko kwakunye neenkonzo ezingxamisekileyo uSASSA udize ukuba bonke abo baxhamla kwimali yesibonelelo zebanikane ithuba bangayi ngaxesha linye ezibhankini naseziPosini.

Imali izakuqala ukufumaneka ngomhla wamashumi amathathu ukuya kumashumi amathathu ananye (30-31).

Kwezi ntsuku zikhankanyiweyo zezabantu abadala kwakunye nabakhubazekileyo. Ngomhla wokuqala izakubangumntu wonke orhola imali yesibonelelo sikarhulumente.

Ukuqala kwakhe uMongameli ukwenza ezi zibhengezo kwakungomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga apho ilizwe belisenabantu abangamashumi amathandathu ananye kuphela abasuleleke yintsholongwane.

Le Arhente ithi sele ithethene nabanye oosomashishini kuquka neebhanki ekubeni imali yabaxhamli ifumaneke ngezi ntsuku ukuzama ukunqanda ingxinano yabantu ezivenkileni nasezibhankini.

Le Arhente ibongoza ikwakhuthaza bonke abaxhamlayo abasenawo amandla ekubeni banikele ithuba abantu abadala ngosuku lokuqala nolwesibini.

Oku zinzame zokuba abantu banikane ithuba kwayenakwindawo abakuyo baqelelelane njengoko myalelo. USSASA kwakunye namasebe asebenzisana nawo basathetha ekubeni ukubheka phammbi amasuku okurhola indodla aqale ngomhla wokuqala ukuya kowesihlanu.

Le Arhente ikwakhumbuze uluntu ngokohlobo omaluziphathe ngalo ngeli xesha lale ntsholongwane. Ukuhlamba kwezandla ngesephu rhoqo kwanokuvala umlomo ngengalo xa ukhohlela naxa uthimla.