NANGONA ligxekwa lityholwa ngokukhusela uMongameli Jacob Zuma iGunyabantu Lezotshutshiso (NPA) igcali kwezomthetho uBrenda Wardle uthe, iGunyabantu Lezotshutshiso linelungelo lokucela inkundla ukuba icacise umthetho ongacacanga kulo.
Kwiveki ephelileyo intloko yeGunyabantu Lezotshutshiso uShaun Abrahams ubhenele kwinkundla yomgaqosiseko ngelibhena isigwebo senkundla ephakamileyo eyalele iNPA ukuba itshutshise uZuma ngamatyala awayechithwe yintloko yeNPA eyayibambele uMokotedi Mpshe.
Eli nyathelo ligxekwe kakhulu ngamaqela aphikisayo ezopolitiko ngelithi yinkcithomali. Oka Abrahams ukwatyholwe ngokukhusela uZuma.
Omnye wabagxeki ligqwetha elaziwayo kweli uVuyani Ngalwana obhale kwikhasi lonxibelelwano uFacebook esithi, inyathelo leNPA yinkcitha xesha kuba inkundla yezibheno yayikhe yawuchophela lo mba kwaye yagweba ngelithi uZuma makajongane nengalo yomthetho.
UWardle uthe, “Nokuba ayiziboni inethuba lokuphumelela iNPA ingalisebenzisa ilungelo layo, livavanywe yinkundla endaweni yokuba ithathe isigqibo engonelisekiyo siso.”
Ukwathe mancinci amathuba empumelelo koku, kodwa kufanele ukuba iNPA isebenzise eli thuba ngeliqwalasela inyathelo elilandelayo.
“Okokuqala uZuma ngumongameli, ukumsa ezinkundleni ayilonyathelo lilula, kufuneka isicwangciso sezomthetho.”
UWardle uthe, “UZuma angathatha amanye amanyathelo xa kufanele etshutshisiwe, ngokutshutshiswa ngokungafanelekanga kuba eli tyala lachithwa yiNPA, ngoku ubuyiselwa emva.”
Ingcali yezomthetho kumgaqosiseko uShadrack Gutto uthe, iNPA ayifumananga cebiso lililo kwinyathelo lokuya kwinkundla yomgaqosiseko.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?