Inenekazi lihlabe unyana walo

Kapa: Likwindawo yesibhozo kuluhlu lwabantu abalindele ibhedi ukuba bayokuhlolwa ingqondo kwisibhedlele iValkenberg kweliphondo leNtshona koloni, inenekazi laseMakhaza e Khayelitsha elityholwa ngokuhlaba lonzakalise unyana walo oneminyaka emibini ubudala.

Namhlanje inkundla kamantyi eKhayelitsha ive ukuba uJulia Neliswa Aaron uyakuthi ukuze afake isicelo sebheyile kuqale kufumaneke ingxelo kagqirha ozakumhlola ingqondo.

Ngomhla weshumi elinesibini (12) kweyoMqungu kulonyaka kwathi kwavakala indaba zokuhlatywa konzakaliswe ikwekwana eneminyaka emibini ubudala ngunina wayo kwingingqi yaseMakhaza e Khayelitsha.

Lekwekwana yahlatywa izihlando eziliqela entanyeni ngunina nekuvakala ukuba wabhaqwa nguninalume wakhe umrhanelwa nowathi akumkhuza wabaleka.

Ingxelo yosapho idiza ukuba elinenekazi linayo imbali yokuphazamiseka engqondweni kwaye nokusebenzisa kwayo isiyobisi iTik kunganegalelo kwesisenzo asenzileyo.

Umrhanelwa wathi akubhaqwa ngumalume wakhe wacela kwabasicatyana waduka negama lakhe kodwa waye wafunyanwa ngosuku olulandelayo kwingingqi yase De Doorns.

Udade bexhoba uNthabiseng Aaron uthi “imbi into eyenziwe ngudadewethu kodwa wayekhe wanengxaki yokuphazamiseka engqondweni siyakrokra ukuba uphinde waphazamiseka kwakhona kwaye ungumntu osebenzisa itiki. Yena ungumntu olungileyo xa umjongile unobubele kwaye akathandi nokuthetha.’’

Ingxelo zidiza ukuba elinenekazi linomnye umntwana oneminyaka esibhozo ubudala ohlala noyise wabo eVosthile.

Ngokosapho umrhanelwa akazange akhule kakuhle nanjengoko wayekhe wahlala nakwindawo ezigcina abantwana.

Ityala lizakubuyela kwinkundla kamantyi eKhayelitsha ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo.

isibhalo@inl.co.za