Ingaba abaseNyobeni basaqhuba noshishino?

Phambi kweNkundla eMonti, abefundisi, abazali kwakunye nezihlobo zabafundi abayi21 ababhubha ngoJuni 2022 beyokuvasa iphepha kuba begqiba ukubhala kwindawo yentselo Enyobeni eMonti. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA.

Ngethuba bevela phambi kwenkundla yamatyala eMonti ngeyoMsintsi abanikazi bethaveni iEnyobeni yaseScenery Park, abazali badiza koonondaba ngaphandle kwenkundla ukuba kukho amarhe wokuba abanikazi bendawo, uVuyokazi Ndevu (43) kwakunye nomyeni wakhe uSiya Ndevu (52) basaqhuba noshishino lokuthengisa utywala kwiilokishi zaseMonti, enye isedolophini.

IQumrhu leBhodi yoTywala eMpuma Koloni likhuphe isiqinisekiso sokuba kuphando elwenzileyo akunjalo, njengoko kungekho ndawo ethengisa utywala ephantsi kwamagama esi sibini. Ithi kusavela iEnyobeni yodwa phantsi kwamagama abo.

Le bhodi ibongoza intsebenziswano kubahlali ngelithi mabeze ngaphambili nolwazi ngezi ndawo bazikrokrelayo ukuba ziqhuba phantsi kwegama labarhanelwa baseNyobeni.

UMsiya Mgwebi weECLB uthi onolwazi makeze neenkcukacha ezifana nokuba indawoni kwaye uphando lakuthi lwenziwe ukuba kunjalo ngenene ze kuthathwe amanyathelo.

UMgwebi uqhube wathi ngokokwabo ukwazi nangokwasezincwadini ayikho indawo eqhuba phantsi kwegama lesi sibini.

Nangona kunjalo, uluntu luyabongozwa ukuba luze ngaphambili nolwazi okanye lutsalele kule nombolo-080 000 0420 okanye babhale kuWhatsApp-076 403 6223.

AbakwaNdevu baza kubuyela ngomhla wama25 kuTshazimpuzi 2023, bangaphandle ngebheyile.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA uLuxolo Tyali, kusaqokelelwa ulwazi kwaye kufunwa ukudityaniswa zonke ngaxeshanye izityholo ezijongene nesi sibini sakwaNdevu. Bavelile kwinyanga ephelileyo enkundleni ze lamiswa ityala.