Ingaba bazilwela besemangcwabeni?

Isiza apho kwembiwa khona ilitye lexabiso eMaCwerheni kuTsolo, phantsi kwesithili sakuNtabankulu, kuthwa yindawo egquba imimoya ebusuku ngenxa yamangcwaba athe anokaliswa ngenxa yokuqhushunjiswa kweli litye.

Amanye wala mangcwaba ayabonakala, futhi akwisiza apho kombiwa khona eli litye. Akukho mda wenziweyo phakathi kwamangcwaba nendawo yokusebenzela othe wabonwa liqela lephephandaba I’solezwe lesiXhosa ngethuba lityelele le ndawo kule veki.

Amanye amangcwaba, ngenxa yobudala bawo, akasabonakali. Abahlali abaxhalabileyo bathi kukho amathambo wamangcwaba athe ombiwa ayolahlwa kude kule ndawo. I’solezwe lesiXhosa liwabonile amathambo ekukholeleka ukuba ngawomntu athe aphihlika ngexa yokuqhushunjiswa kweli litye.

Ngenxa yala mangcwaba wonakeleyo, abahlali bathi le ndlela yetha iza kwenziwa apha ingabangela iingxaki ezifana neengozi.

“Kuyo yonke le nto yokungakhalelwa kwala mangcwaba, uloyiko lwam kukuba ziza kubangaphi iingozi eziza kwenzeka kulo mgaqo xa sele ugqityiwe. Ewe singaluvuyela uphuhliso, kodwa sithini ngemiphefumlo abantu abaza kuphulukana nayo ngenxa yokulwa kwemimoya yabantu. Kutheni bengahlonitshwa abantu abalele ukuthula?” kubuza umhlali wale ndawo, uNtuthuzelo Mphandana.

Omnye umhlali uMongezi Nomaganya uthi kukho iimpawu zokuba abantu abalele ukuthula kula mangcwaba, bayathetha.

“Into esiyivayo ukuba ibisebenzeka, kukuba le kontraka ibiqale lo msebenzi wokuqhushumbisa eli litye ibifelwa ziimoto ngendlela engummangaliso. Abantu abagada kule kontraka ebusuku bathi kukho imimoya apha eyenza bangakhululeki ebusuku. Abanye kuthiwa bavele babone ivili letraki lizihambela lodwa,” kutsho uNomaganya.