Ingaba i-ANC ifundile ngokwenzeka ePolokwane?

Ukuba ilizwi eliphuma ngqo kuMongameli uJacob Zuma, elithi akazukucela umngeni kwakhona yinto ekufanele siyikholelwe, oko kwakuseka umzekelo omhle nakwezinye iinkokheli zemibutho yezopolitiko. Ngokwengxelo yethu kwiphepha lesine namhlanje, uZuma uthi nokuba angacelwa ngamalungu ombutho we-ANC, akazukuvuma ukungenela kugqatso lokongamela i-ANC emva kwenkomfa yokonyula iinkokheli ze-ANC kuzwelonke ngo2017.

Kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo, kuqhambuke qela lithile libizwa ngokuba yiPremier League. Eli qela ligqame kakhulu ngexesha apho bekubanjwe inkomfa yokonyula iinkokheli ze-ANC Youth League kutsha nje. Le Premier League, nekuvakala ukuba ikhokelwa yinkulumbuso yaseMpumalanga uDavid Mabuza, eyaseFreyistata * -Ace Magashule neyaseMntla-Ntshona uSupra Mahumapelo, kuthwa inqwenela uZuma ukuba ongamele i-ANC isihlandlo sesithathu.

Ngokokuqaphela izimvo zoluntu kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook noTwitter, baninzi abantu ebebengonwabanga ngenxa yamarhe ebekusithiwa acetywa yiPremier League. Abantu kumakhasi onxibelelwano bakholelwa ukuba eliqela lePremier League belifuna ukufezekisa iinjongo zalo hayi ezo zamasebe e-ANC.

Ngokokuthetha phandle ukuba akafuni kucela mngeni kwakhona uZuma, oku kungaba likhubalo lokuvala izigqubu zokuxoxa ngeemfuno zePremier League. Ethetha nejelo likamabonakude izolo, uMagashule uwaphikile amabango wokuba ukwiqela lePremier League. Uthe ezi ziingxelo nje zoonondaba ezingenabunyani. Iinkokeli zopolitiko zinoxanduva lokuthi hayi xa zibona kufanelekile. NesiXhosa sitsho – zisina zidedelana. Icekwa ngoku lilele kumasebe e-ANC ukuba axoxe ngeqela lesithandathu (Top Six) elifanele ukukhokela i-ANC kwinkomfa ka2017. Oku kufuneka ukuba kwenzeke ngaphandle kokufakwa umfutho kwamasebe.

Okwenzeka kwinkomfa yolonyulo lwe-ANC ePolokwane ngo2007 – apho kwathi kwavuka ingqumbo kumanye amalungu athi akhokelela ekusekweni kweqela leCongress of the People – akufanele amalungu e-ANC aphinde akuvumele ukuba kwenzeke.