ISELULWIMI etywaleni iingxelo zokuba umnyhadala womculo waseBhayi iEbubeleni Music Festival ungafudukela kwenye indawo.
Ezi ngxelo ziye zajikeleza kumakhasi onxibelelwano, bambi bezithethela emva kwamanani avisayo wabantu kumnyhadala wokuphela kuka2018 obubanjelwe kwibala lezemidlalo iNelson Mandela Bay Stadium.
Kodwa ngokokutsho kukaThembi Mahambehlala ongumsunguli we-Ebubeleni, akukabikho nto ethi lo mnyhadala bayawufudusa kweli bala.
UMahambehlala ebephendula I’solezwe LesiXhosa ngethuba limbuza ngezicwangciso zalo nyaka nanjengoko umnyhadala ubonakalisa ukukhula xa kuthelekiswa neminyaka engaphambili.
Abantu abangamashumi amabini anesihlanu amawaka (25 000) bebegxalathelene eBhayi kwiiveki ezimbini ezidlulileyo beyokonwabela iEbubeleni Music Festival. Eli nani liqabele kwishumi elinesibhozo lamawaka (18 000) lonyaka ophelileyo.
“Okwangoku siseza kuhlala phantsi siyicingisise kwaye sicwangcise kakuhle. Asinokuthatha abantu apha sibase kwenye indawo singajonganga kakuhle ukuba oko kuza kubachaphazela njani,” kutsho uMahambehlala.
UMahambehlala ukwavakalise ukuba kwakwinyanga yeDwarha ngethuba kuvulwa intengiso yamatikiti abantu babewaleqa.
Uthi ezona zinto zinegalelo ekukhuleni kwe-Ebubeleni angabalula uluhlu lweemvumi abaza nazo, ububele kwanomgangatho ohlala bewonyusa.
I-Ebubeleni yaqala ngonyaka ka2012 isenzelwa abantu abazokuchitha iiholide zehlobo eBhayi.
“Abantu xa begoduka bafuna ukudibana nezihlobo kunye nezalamane zabo abazigqibela kudala, ngoko ndabona ukuba makubekho into eza kubenza badibane ngokonwaba,” kubalisa uMahambehlala.
Uthi baqonda mabayibize iEbubeleni nanjengoko isixeko saseBhayi sidume ngobubele (Friendly City).
Uqhayisa ngelithi iEbubeleni iphuhlisa iimvumi ezisakhasayo, ityale kwezokhenketho kwaye ivule namathuba amatorho.
Abo banomdla ngokucebisa iMahambehlala Communications evelisa lo mnyhadala bayamenywa ukuba benze njalo ngokuthumela imbalelwano kwidilesi ye-email engu: info@mahambehlalacomms.co.za
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party