Ingaba sakufana neZimbabwe?

Kutshanje ndifunde incwadi ebhalwe yintatheli, nomhleli wamaphephandaba amaninzi eZimbabwe uGodfrey Nyarota ethi “The Graceless Fall of Robert Mugabe”.

UNyarota usebenze nzima kule ncwadi ebonisa obakhe ubunzima ngethuba ebesebenza njengonondaba, etshutshiswa phantsi kolawulo lukabawo uRobert Mugabe.

Kodwa okona kutsala umdla ngale ncwadi ziziganeko ezenzeke eZimbabwe ezikhokelele kwintsokolo yabantu bela lizwe abadinga amakhaya kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi.

Ukulifumana kwakhe uMugabe ela lizwe kurhulumente wabamhlophe phantsi kolawulo luka-Ian Smith, lalityebe ngendlela zonke, kufundiwe, linguvimba wokutya kumazwe aseAfrika.

Ukusukela ngonyaka ka1980 ukungena kwakhe elulawulweni uMugabe, uqalise ukwazisa imithetho nemigaqonkqubo ethe yakhawulezisa ukutshabalalisa iZimbabwe ikhatshwa bubusela norhwaphilizo.

Kuyaxhalabisa ukubona ukuba eli loMzantsi Afrika likumkhondo ofana twatse neZimbabwe onokukhokelela kwindlala, ukuxhatshazwa kwabantu nobom obukrakra kwabona bantu bangenasono.

Oku asikuko ukuba sijongela phantsi inyaniso yokuba kwakumele ukuba bakhululeke abantu baseAfrika kwingcinezelo. Kodwa umzila wamaqela alwela inkululeko yamazwe aseAfrika ubangela inkxalabo emandla kwikamva nesizukulwana esizayo.

IZimbabwe yayityebe ngokuvelisa umbona, ingqolowa, icuba nezimbiwa ezithe kamva zasetyenziswa ukutyebisa uMugabe noogxa bakhe.

Le ngxoxo yokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo yenye yeengxoxo ezakhe zakho eZimbabwe ngaphambili. Umhlaba ngowabantu abamnyama ngaphandle kwamathandabuzo, kodwa iinkokheli zopolitiko zisebenzisa oku ukuzityebisa zona nabo bangqinelana nazo.

Usapho lakwaMugabe lisebenzise ubutyebi baseZimbabwe ukuzithengela amakhaya kumazwe afana neSingapore, Malaysia nakooSandton, logama aba bantu kwakusithwa bayakhululwa behlupheka. Ingaba ngenene aba ibingabakhululi beAfrika okanye ziintshaba zenkululeko yaseAfrika?

Kuba eMzantsi Afrika iqalile ingxoxo engokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo, umbuzo ngowokuba kazi ukuba uza kuthathwa unikwe bani, waphi? Ukudlakazwa kweenkampani zikarhulumente ezifana neEskom, SAA, iPost Office, Transnet nezinye, zimpawu zokuqala ezibonisa ukuba asahlukanga kwiZimbabwe.

Ukuthathwa kwemali yamafama amnyama eVrede eFreyistata inikwa iintsapho ezithile kungqina ngaphandle kwamathandabuzo ukuba siza kufana neZimbabwe nokuba kunini.

Ngeminyaka yoo1980 idola yaseZimbabwe yayinamandla alingana twatse namandla wePonti yaseBritane, kwanedola yaseMelika. Inkampani yakwaEskom iyagqushalaza ikhangela indlela yokunyusa ixabiso lombane. Ingaba sakufana neZimbabwe?