Ingaba sisiphelo solawulo lweDA eBhayi?

Usecicini lokuphulukana nolawulo urhulumente wendibaniselwano okhokelwe yiDA kumasipala waseBhayi.

Kuphela unyaka wesibini kulawula urhulumente wendibaniselwano eBhayi, kodwa ixesha elininzi ubuhleli ngentsula enye emva kokuphuma kweUDM kulo rhulumente.

Amaqela aPhikisayo kulo masipala kuquka nePatriotic Alliance elilungu kurhulumente wobambiswano athathe isigqibo sokuliphelisa ulawulo olukhokelwe yiDA eBhayi.

Okunyuse ithemba ngakumbi kula maqela sisiqinisekiso senkxaso yeEFF nePatriotic Alliance. Ngala maqela omabini asindise urhulumente okhokelwe yiDA ngaphambili, ngokuthi elinye lawo libe ngakwicala lorhulumente okhokelwe ngulo mbutho.

Ulawulo lorhulumente okhokelwe yiDA eBhayi zange laqina. Lo mbutho wangena elulawulweni emva kokufumana i57 yooceba kunyulo lango2006, wabambisana neUDM enezihlalo ezibini, iCOPE, neACDP ezinesihlalo esinye kumbutho ngamnye.

Uzinzo lwaphela nje kwinyanga ezimbalwa kulandela ukungaboni ngasonye phakathi kukaSodolophu uAthol Trollip noMongameli Bobani owayefudula elisekela lakhe.

UBobani wayekhala ngelithi uTrollip uthatha izigqibo ngaphandle kwegalelo leUDM kodwa afune inkxaso yalo mbutho kwibhunga.

Lonto yenza ukuba iUDM ivote namaqela aphikisayo kwiintlanganiso zebhunga. Kwelayo icala, iDA yayityhola uBobani ngobuqhophololo kwiSebe lezeMpilo elaliphantsi kwakhe nangokusebenzisana namaqela aphikisayo ekuqethuleni ulawulo olukhokelwe yiDA.

Oku kwayibulala imvisiswano phakathi kwala maqela kwakhokelela ekususweni kukaBobani njengoSekela Sodolophu.

Emva kokwahlukana neUDM, iDA yakrweca iPatriotic Alliance ukuba ibe yinxalenye karhulumente wendibaniselwano, kodwa nayo yaphinda yaziguzula emva kokuba uceba wayo uMarlon Daniels engasifumenanga isikhundla sokuba ngusekela sodolophu. Iza kuba lityeli lesithandathu eli kwiinzame zokususa ulawulo kwiDA.

Ityeli lokuqala lalikhokelwe yiANC kweyoMdumba kunyaka ophelileyo, kodwa lo mbutho wabuya wakurhoxisa oku emva kokungafumani nkxaso kwamanye amaqela aphikisayo.

Ityeli lesibini lilandele emva kokukreqa kwePatriotic Alliance isihlandlo sokuqala kolu bumbano ngeyeNkanga kodwa iDA yasindiswa yiEFF.

Ukanti kwayona iEFF izame izihlandlo ezintathu ngelizama ukohlwaya iDA emva kokuba iDA yalile ukuxhasa isiphakamiso seEFF ePalamente esifuna kuthathwe umhlaba kwabamhlophe ngaphandle kwentlawulo.

Sebhalele kuSomlomo kaMasipala uJonathan Lawack ukuba kuhlalwe intlanganiso yebhunga engxamisekileyo ngoLwesihlanu wale veki nalapho imiba eza kuphakanyiswa iquka ukuphelelwa lithemba kusodolophu uTrollip, kusomlomo uLawack, umbhexeshi uWerner Senekal kwanesigqeba esikwikomiti kusodolophu.

UBobani noza kuphakamisa ukususwa kukaTrollip njengosodolophu uthe:

“Ekugqibeleni side savana sathetha ngazwinye, akusekho qela lifuna ukusebenzisana neDA ngoku.”

UBobani uthe iACDP kwakunye neCOPE ezise kurhulumente wobambiswano neDA, amasango avulekile kuzo ukuba zizibandakanye nalo rhulumente uza kusekwa.

OkaBobani uvumile nokuba uza kuzigqatsela ukuba ngusodolophu walo Masipala uMbaxa. Noxa kunjalo, iEFF ithi usaxoxwa umbandela kasodolophu.

Kumaxesha lo mbutho wawusithi awunokumxhasa uBobani njengosodolophu. Usihlalo weEFF eBhayi uNgawethu Madaka uthe: “Okwangoku usaxoxwa umba welungu eliza kuthatha njengosodolophu.” Walile ukuzibophelela, ngelithi lo mbutho uza kuxhasa uBobani kusini na.