Ingaba uEnoch Sontonga nguMpinga isiduko sakhe okanye nguRhadebe?

Umyalezo ufike nje kum ulula usithi “Kukho utata ofowunileyo othi ucela ukubuzelwa kuMnu. Makuliwe ukuba uEnoch Mankayi Sontonga ngumni isiduko sakhe, nguMawawa (Mpinga), abanye bathi nguRhadebe?”

Uthe wakugaleleka ezindlebeni zam lo mbuzo ndaqala ndatya amathambo engqondo ndizikisa ukucinga, ukuba ingaba isuka phi na impazamo yokuba kude kubekho impikiswano ngesiduko sikaEnoch Sontonga.

Bonke nje ababhali abangoovulindlela nabasondeleyo kwixesha lokuphila kukaSontonga bathi nguMpinga, uMawawa ke ngoko.

Ndiye ndakhumbula ukuba ndikhe ndakhupha inqaku kweli phephandaba I’solezwe elalisithi, “Isiduko sendoda eyaphakamisa uNkosi Sikelela abe nguMhobe weSizwe.”

Kulapho ndicinga ukuba ingxaki iqale khona. Kungelishwa elikhulu kubantu bakowethu abaninzi abaNtsundu abafundileyo nabangafundanga ukuthi bayayiqonda into nangona bengazi ukuba kuqhubeka ntoni.

Okanye nangona bengawulandeli umbandela ekuthethwa ngawo. NDINGEVIWA KAKUBI ANDINYEMBI OKANYE NDIGXEKA UMNTU OBUZE LO MBUZO. Yimfanelo nelungelo ukusabela uthi, ‘Hi’ xa ungevanga.

UMnu Enoch Mankayi Sontonga owaqamba uMhobe weSizwe uNkosi Sikelel’ iAfrika, ngumfo wasemaMpingeni, kwaMawawa, kwaMpondomise, kwaDeb’aliwelwa, kwaBholokoqoshe, kwaNtoyomntwana ingaphuma uboya ilingene abadala.

Kuthiwa uEnoch Mankayi Sontonga wazalelwa eTinarha ngowe1873, eMpuma Koloni. Lo mfo wasemaMpingeni waqeqeshelwa ubutitshala yiloo kholeji yodumo yaseDikeni kuthiwa yiLovedale, emi kulaa mhlaba wemiNgcangathelo kaTyhali.

Ingoma ethi, ‘Nkosi Sikelel’iAfrika,’ wayiqamba ngowe1897 yaze yaqala ukuviwa ivunywa ngamalungu ecawe yakhe yaseRhabe kaMzimba xa kwakubekwa izandla uMfundisi uBoweni.

UEnoch Sontonga wasweleka ngowe1905 eshiya ngasemva inkosikazi yakhe uDinah Mngqibisa (Sontonga) nomntwana oyinkwenkwe, kwiminyaka emihlanu phambi kokuba lo mhobe uqale ukugqama usaziwa lilizwe lonke loMzantsi Afrika, emva kokuba uculwe yikwayala yamakhwenkwe eyayiculiswa nguReuben Caluza.

Iphinde le ngoma yeviwa iculwa ngowe1912 ukusekwa koMbutho weSizwe iSouth African National Native Congress eseyisaziwa ngokuba yiANC. Mayicace kubafundi ukuba ukuqanjwa kwengoma ethi Nkosi Sikelel’iAfrika kwakungenanto yakwenza nokusekwa kweSANNC.

Ndithe ke xa ndithetha kwinqaku lam: “Ngowe1925 iKhongresi (South African Native National Congress (SANNC)) yaliguqula igama layo, kwathiwa yiAfrican National Congress (ANC) kulapho ngaloo mini, apho uT.D. Mweli Skota waphakamisa ukuba iKhongresi yamkele uNkosi Sikelel’iAfrika ukuba abe nguMhobe weSizwe ngokusesikweni.

Ngaphambili phaya ukususela ngowe1913 ingoma eyayingumhobe osemthethweni weSouth African National Native Congress (SANNC) yayiyingoma kaReuben Caluza ethi, ‘Silusapho LweAfrika’ eyayigxeka uMthetho woMiwo-Mhlaba ( Land Act of 1913).

Le ngoma kaCaluza yayekwa ukususela ngowe1925 kwasetyenziswa le ngoma kaSontonga ithi, ‘Nkosi Sikelel’iAfrika.’ Amazwi engoma kaR.T. Caluza athi akafaneleka ngenxa yeemeko zokuliwa kobuhlanga kwilizwekazi leAfrika jikelele.

Iintlanga zeAfrika zaziqalile ukumanyana zisilwela inkululeko yazo emLungwini. Kwelinye icala babekhona nabeLungu ababesamkelwa ngabaNtsundu kusithiwa bazimisele ekuphakamiseni uphondo lweAfrika, kwaye, futhi ubuAfrika buphala kwigazi labo.

Amazwi engoma kaReuben Caluza ayememelela iintlanga zamaXhosa ezabeSuthu namaZulu ukuba zilwele umhlaba wazo owawusimka nabeLungu.

Loo nto yabonwa njengobuhlanga kuba yayingengobeSuthu, amaZulu namaXhosa kuphela awayethathelwe umhlaba.

Lonke ilizwekazi laseAfrika lalisengxakini. Ingoma kaCaluza yayinendawo ethi: “Silusapho lweAfrika, Sikhalela izwe lakithi, Mzulu, mXhosa nomSuthu hlanganani!” Enye into eyaphakanyiswa nguMnu. T.D. Mweli Skota ngalo mhla yaba ngumbala weflegi yombutho weANC, awathi mayibe nemibala emithathu, umbala obomvu, umbala omnyama nombala oluhlaza, kodwa akazange aphumelele kwicala lombala. Inkomfa yathatha imibala eyavela noMnu.

Levi Mvabaza owathi imibala yeflegi yeANC mayibe ngumbala omnyama obonisa ibala labantu baseAfrika, umbala oluhlaza obonisa uhlaza oluyingca nemithi eyambathise ilizwe leAfrika, nombala ogolide obonisa ubutyebi bezimbiwa ezikweli lizwe loMzantsi Afrika.

UMnu. T.D. Mweli Skota owaphakamisa le ngoma kaEnoch Sontonga ethi, ‘Nkosi Sikelel’iAfrika,’ ukuba ibe ngumhobe wesizwe, yayingumfo wakwaRhadebe, abazibongo zithi: URhadebe omhle, Ingelengele into elola kubalele, Umashwabada owashwabadela inkomo neempondo zayo, Ithe xa isembindini yema ngenyawo, Kwafika umfana evela ngasekwaluseni wathi: “Namhlanje idibene intsimangwe nemamba”, Zulu lidume iziqu zemithi zabheka phezulu, Akwaba ndaba zalutho, KwaBhungane akusavalwa ngemivalo, Sekuvalwa ngamakhand’amadoda, AmaHlubi amahle, Amangelengele abantu bamadwala, Bhungane omhle! UMnu.T.D. Mweli Skota ngunyana kaBoyce noLydia Skota.

UT.D. Mweli Skota wazalelwa eKhimbali. Uyise wayengunyana wesibini kaSoshebe Skota, owayesisizukulwana sikaNtsele, uyise kaBhungane enye yeenkosi ezidumileyo nezihlonitshiweyo sisizwe samaHlubi.

UBoyce wazalelwa eZitapile kwisithili saseHeshele. Unina kayise wayeyintombi kaMsumasuma Matomela inkosi yesizwe samaRheledwane.

Ndicinga ke ukuba abantu baphazanyiswa kukungehluli phakathi komqambi uEnoch Sontonga onguMawawa, uMpinga, noT.D. Mweli Skota owaphakamisa ukuba le ngoma ibe nguMhobe weSizwe, onguRhadebe yena isiduko.

Eyona nto siyenzayo KULO MHLATHI, apha kufundiswa abantu abaNtsundu nezinye izizwe ezinomdla kwimbali yabaNtsundu ngohlobo olunzulu nolunomdla kulandelwa esasithethe sesiNtu sokubalisa iimbali ezimbuthweni nasecaleni kweziko.

Zininzi iziganeko zembali ezehlileyo nezirhangqe lo Mhobe weSizwe. Ngoko ke thina, kuba singoochwepheshe neencutshe kumasiko nezithethe zesiNtu. Xa kuthe kweso siganeko sembali edibene noMhobe weSizwe, kwabakho umntu onesiduko.

Thina xa sibalisa sikhwela kuye loo mntu simtyibele ngesiduko sakhe, nanjengoko senzile kuMnu. TD. Mweli Skota.

Elokugqibela nelinyanisileyo uMnu. Enoch Mankayi Sontonga oqambe uMhobe weSizwe othi Nkosi Sikelel’iAfrika isiduko sakhe nguMawawa, uMpinga. Enkosi kakhulu, inga iinkomo zenu zingazala amathokazi.