Ingaba utshintsho luyeza nyani?

InoKUba bethu yintoni elibazise ukubhengezwa kwabaphathiswa boMzantsi Afrika? UMongameli Cyril Ramaphosa unwabuluke phezolo (ngoLwesithathu) wade wasazisa ukuba kuqhubeka ntoni.

Bambi bathi ebelinde la Ntemekwana unguPravin Gordhan ukuba asombulule iingxaki zakhe zomthetho emva kokuba enyolwe ngumkhuseli woluntu, uBusi Mkhwebane. Ayonto iza kuthatha ixesha na le?

Kwakube ibinyanisile ke iEFF xeshikweni isithi uGordhan unamandla amakhulu kolu lawulo lukaRamaphosa. Sakukhe sibone. Kuhle ke kodwa ukwazi ukuba amaphondo oMzantsi Afrika sele ebugqiba ngalo mba wokubhengeza abaphathiswa.

IMpuma Koloni, phantsi kolawulo lukaLubabalo Oscar Mabuyane ize nabantu abatsha. Ifane ibe nguWeziwe Tikana yedwa umakadebona kule khabhinethi yakhe.

Iyaboyikisa ke abanye abantu le nto yabantu abatsha bakaMabuyane; abazi namthwalo kwaye abakhangeleki ngathi ngabantu abafuna ukununuswa – ayingobantu ekufuneka uphakame xa uthetha nabo okanye ube usithi “Mphathiswa”. Nto ethembisayo ngoba aba baphathiswa baye bathi phithi bubunganga bezikhundla abakuzo bazibone bengoothixwana.

Aba ke inoba bona bakusebenza qha. Pha eNtshona Koloni, phantsi kolawulo lukaAlan Winde singathi kuqeshwe oomakadebona beDA, ngoko ke baza kuqhuba ngale ndlela bebekade beqhuba ngayo.

Kukho uloyiko lokuba abantsundu abazokunikwa ngqalelo ingako xa kumataniswa ulawulo lukaDe Lille neli lukaWinde luzayo. Asazi. Bonke aba baphathiswa batsha kwakufuneka sibanike nje unyaka, ngabula uMabuyane, sibone ukuba baqhuba njani.

Ingxaki ngokumane sitshintshatshintsha abaphathiswa qho kukuba ababinalo ixesha elaneleyo lokugqibezela izinto ebebeziqalile.

Uthi umntu sele eqale inkqubo entsha, kugqithe nje iminyaka emine, kuthiwe makaphume.

Kungene omtsha oza kufika nezakhe izicwangciso, ishiyeke esithubeni leya ibizanywa ngoza phambi kwakhe. Inzima le nto kodwa ke sakubona ukuba ihamba njani kweli ityeli.