Ingabiwa imali kaTambo, kubongoza uMlibo

Mlibo Qoboshiyane

ISITHETHI seANC eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane, uthi lo mbutho uzakuqinisekisa ukuba imali eyabelwe ukubhiyozela ikhulu leminyaka lobomi buka Oliver Reginald Tambo, isetyenziswa ngendlela.

Kwiveki ephelileyo, uMphathiswa wezeZimali ephondweni uSakhumzi Somyo, ubhengeze ukuba imali ekwizigidi ezingamashumi asixhenxe anesihlanu zeerandi (R75m) izakuchithwa kwimibhiyozo yekhulu leminyaka ngobomi beli qhawe lomzabalazo.

Ukuba ebesaphila, uTambo ebeza kuba neminyaka elikhulu kulo nyaka nanjengoko wazalwa ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeDwarha ngo-1917, ze wabhubha ngomhla wamashumi amabini anesibini kuTshazimpuzi ka-1993.

UTambo, oyena mongameli weANC wakhe waxhuzula imikhala yolawulo ixesha elide, wazalelwa kwilali yaseNkantolo eMbizana.

USomyo uthi le mali yeyokubamba iinkonzo zesikhumbuzo ngoTambo, iinkomfa ngembali kaTambo, umdyarho weembali egameni likaTambo, umnyhadala womculo weekwayara egameni likaTambo kwanokulungiswa kwendlela eya eNkantolo.

UQoboshiyane uthe: “Imali eyabelwe imisitho engobomi bukaTambo mayisetyenziselwe oko. Akufanelanga ibiwe okanye ichithwe gwenxa. Amagosa esebe [lezenkcubeko nobugcisa] kufuneka aqiniseke ukuba yonke into edibaniselene nemali [kaTambo] isetyenziswa ngendlela efanelekileyo.”

Ivamile into yokutyiwa kwemali eyabelwe imisitho kwiphondo leMpuma Koloni.

Ngonyaka ka-2013, amagosa aphezulu kumasipala waseBuffalo City, aquka obesakuba nguSodolophu uZukiswa Ncitha kwakunye nalowo ebesakuba lisekela lakhe uThemba Tinta, aquqa ebuyelela kwiinkundla zamatyala emva kokubhunyula izigidi ezingaphaya kwesihlanu (R5.9m) ezazabelwe ukubamba imisitho yenkonzo yesikhumbuzo kaNelson Mandela.

Eli tyala lisaqhuba enkundleni.