Ingalo yomthetho indijikele, kutsho ixhoba lodlwengulo

Intombazana yaseBhongweni eMonti ethe yalixhoba lokudlwengulwa ngamadoda amane eyiphindaphinda, ithi idane kakhulu kukubona ityala lichithwa ngamapolisa kuba esithi akukho bungqina.

Le ntombazana (30) yadlwengulwa kwinyanga ephelileyo ikwindawo yentselo eBhongweni. Ithi yayigqiba kuchama phandle ngethuba ixhwilwa ngamadoda amane eyirhuqela kwityotyombe elingemva ayidlwengula.

“Ndinikezele ngoku! Eyam intliziyo ndiyixolisile kuba elinye ithemba andinalo. Ingalo yomthetho ebendithembe yona indijikele. Kungoko ndibona ukuba mandingaziphilisi obentshontsho ubomi, mandiyikhulule ndisuke ndilindele nantoni na enokwenzeka,” litshilo ixhoba.

Le ntombazana, ibike yacinga ukuzibulala ngenxa yomvandedwa wokudlwengula kodwa ngoku ithi ibonile ukuba mayiziqinise iphilele abantwana bayo abane.

Kula madoda mane awayedlwengula le ntombi, kukho enye eyalayita ifowuni kuba ifuna ukufaka ikhondom kwaye kulapho le ntombazana yathi yamqaphela ngayo omnye kwaba benzi bobubi.

Ukanti abefundisi kuquka nabo bajongene nokulwela amalungelo oluntu ephondweni, baya kukhalimela ukuchithwa kwetyala lexhoba.

UMfundisi uNomelikhaya Kondile, nokwakhathalele abahlali kula mmandla waseBhongweni, uthi emva kokuva ezi ndaba zokuba ityala lichithiwe abazange bakholelwe.

“Zange sikholelwe xa kuthwa ityala liyachithwa kuba kungekho bungqina. Le into isinxunguphalisile kuba ithemba lethu besilibeke kumthetho. Lona inyawo lwemfene lukhona kweli ityala,” kutsho uKondile. Uthi kungoku nje bakwiinzame zokwenza amalungiselelo okubamba inkonzo enkulu kwiveki ezayo ngeenzame zokuthandazela uzinzo.”Siza kudibanisa iBhongweni, Santa, Orange Groove kwakunye neNtenteni kuba zichaphazeleka zonke ezi ndawo. Unobangela wokudlwengulwa kwanokubulawa kwamaxhegwazana apha kukunqaba kwemisebenzi kwanolutsha olusebenzisa iziyobisi kakhulu.

U-Archbishop Ntywantsi wala mmandla ongomnye wabaququzelela umthandazo, uthi oku zinzame zokulwa ulwaphulo mthetho oluphezulu.

abongile.ginya@inl.co.za