Ingalo yomthetho kongcwabe usana luphila

Abezomthetho bathi bazakwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba ijongana nengalo yomthetho intwazana engcwabe umntwana wayo ephila KwaDwesi eBhayi.

Le ntwazana, eneminyaka engamashumi amabini anesine, ingcwabe lo mntwana wayo oyintombazana obeneentsuku ezintathu ezelwe.

Ibe sisikhalo sale mveku esibangele ukuba ihlangulwe ngamapolisa kulandela ukuviwa ikhala ngabanye abantwana abebedlala.

Amapolisa afike aluhlangula olu sana, emva koko alusa kwisibhedlele iDora Nginza apho baye bamthiya igama elithi “Sindiswa”.

Usana olu labhaqwa kuMvulo weveki ephelileyo ngabantwana abo babezidlalela babini emva kokuva isikhalo sosana oluncinci kwihlathi ebebedlala ngakulo, ukukroba kwabo bafika ilusana ligqunyelelwe ngomhlaba lusaphila.

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Andre Beetge ithe: “Intwazana le ivelile kwinkundla yamatyala eNew Brighton kuMvulo wale veki ngetyala ejongene nalo lokulahla umntwana, nalapho ityala lakhe limiselwe umhla wokuqala kwinyanga esijonge kuyo yeNkanga. Ngalo mhla uzakube efaka isicelo sebheyile esengaphakathi eziseleni,” utshilo uBeetge.

UBeetge uthi umntwana usekugcino kwisibhedlele iDora Nginza eBhayi, nalapho wathiywa khona igama elingu-Sindiswa.

Kwinyanga ezimbini ezidlulileyo, iphephandaba I’solezwe lesiXhosa licebise ulutsha ingakumbi abo bangamantombazana bakhulelwa beselula ngezinto abanokuthi bazenze okanye bazisebenzise ukunqanda iziganeko zokubeleka umntwana bakugqiba babalahle emigqomeni kambe abanye babhaqwe besaphila.

Kodwa kubonakala ngathi kusathe gqolo ukwenzeka ezo ziganeko.

Ezo kuquka:

* Ukusebenzisa izithinteli ezifumaneka ekliniki ezinje ngesitofu kwakunye nekhondom, kungenjalo uthi xha ekwabelaneni ngezesondo;

* Ukumbeleka wakugqiba uyokumbeka kumakhaya agcina abantwana; okanye

* Ungamsa kwisihlobo uchaze ngemeko yakho okanye koonontlalo-ntle uhoyelwe de ukhululeke kwingxaki okuyo.

Zibe liqela iziganeko zokulahlwa kwabantwana kwinyanga yeThupha, bebhaqwa bephila kambe abanye sele bebhubhile. Iindawo ezo ngokwengxelo yamapolisa kuquka iMonti, eCumakala, eWalter Sisulu eMthatha, edolophini eGcuwa kuquka naseMount Fletcher.